‘Makusungulwe ulwimi oludibanisa amaAfrika’

Lifikile ixesha lokuba amazwe aseAfrika asungule ulwimi oluwadibanisayo ukuze kungabikho mfuneko yokuba kwenziwe inguqulelo xa kuthethwa.

Oku kuthethwe yimbongi yesizwe uZolani Mkiva kumsitho ububanjelwe kwiziko leZizwe eZimanyeneyo (UN) ngethuba kuqhutywa imibhiyozo yomhla waseAfrika nebibanjelwe ePitoli.

“Andikuthandi ukuthi xa ndithetha namanye amaAfrika kunyanzeleke ukuba kwenziwe inguqulelo, kuba umxholo wentetho uyalahleka ngelinye ixesha,” utsho uMkiva.

Uhambisa athi abantu baseAfrika bathetha iilwimi ezininzi, ngoko ke ukufakela olunye ulwimi akunakuba yingxaki kumaAfrika. Uthi amaAfrika mawakhusele, agcine aphakamise iilwimi zaseAfrika lo gama ekwazi ukuthetha nezinye iilwimi.

“Ndiyayithanda le nto yokuba thina bantu baseAfrika sithetha iilwimi ezininzi, kodwa lo nto mayingenzi ukuba siyeke ukugcina iilwimi zethu zaseAfrika,” uthethe watsho uMkhiva.

UMkiva umemelela ukuba lo mhla waseAfrika wenziwe ubengumhla weholide ukuze amaAfrika afumane ithuba lokuwonwabela ngokupheleleyo.

“Njengelizwekazi kumele ukuba lo mhla siwenze ubengumhla apho bonke abantu baseAfrika bazakubhiyozela impumelelo yelizwekazi, singalusebenzisa olu suku ukuqinisekisa ukuba senza inkqubo zemvuselelo yobuAfrika,”utshilo.

Ugqirha uEsther Muia wombutho weZizwe eZimanyeneyo (UN) wenze intetho ephambili kulo msitho egxile kwimeko yentlalo yabantwana namakhosikazi.

“Nanjengoko sibhiyozela umhla weAfrika masinike imbeko kuloo maAfrika athi awa ngaphambili esenzela ukuba siphile ubomi obungcono,” utsho uMuia. Le nkosikazi ithi kule mihla kumele ukuba kungabikho makhosikazi abhubhayo xa ebeleka abantwana.

“Kufuneka ukuba siqinisekise ukuba amakhosikazi ayaqhubeka ukudlala indima ebalulekileyo, ahlale ephambili kwiinkqubo zaseAfrika,”uthethe watsho uMuia.

Lo gqirha uthi ulutsha laseAfrika malidlale indima ephambili ngokuthi luqhubele phambili umsebenzi ubusele wenziwe ziinkokheli zangaphambili.

“Nanjengoko liphelile elethu ixesha sikulungele ukugqithisa uxanduva kubantu abatsha ukuba bakulungele oko,” utshilo.

Uthi unethemba lokuba abantu abatsha base Afrika bangenza kakuhle ukuthabatha uxanduva lokuqhubela phambili eli lizwekazi kwiminyaka elandelayo.