Kubhubhe umfundi kwingozi yemoto

Utshayiswe yimoto wabhubha ngoko nangoko umfundi wesikolo samabanga aphakamileyo saseBreidbach uBulumko Badi kuhola wendlela uN2 ngaseQonce.

Lo mfundi ominyaka elishumi elinesixhenxe ufunyenwe ethe tywa endleleni, incwadi nebhegi yakhe izilele ecaleni kwakhe.

Ingxelo ithi, lo mfundi ebesendleleni ephuma esikolweni ngethuba imoto yohlobo leAvanza imtshayisa kulo hola wendlela.

Ziqhelekile iziganeko zokubethwa kwabantu ziinqwelo mafutha kule ndlela ingakumbi abantwana besikolo.

Othethe egameni lamapolisa aseQonce uLieutenant Siphokazi Mawisa uyakungqina oku. “Siyifumene ingxelo yokuba kukho umntwana otshayiswe yimoto wabhubha kule ndlela inguN2 kufutshane naseBreidbach, amapolisa ase- Qonce aqhuba uphando ezama ukufumana ukuba kwenzeke ntoni.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa ligaleleka kwindawo yexhwayelo indoda engumqhubi wenqwelo mafutha ibikhona kwindawo yengozi.

Ukanti uMawisa uthi amapolisa anyanzeleke ukuba enze umsebenzi wawo emva kokuqwalasela izinto ezithile.”Umthetho awusivumeli ukuba sibambe umntu ngenxa yokutshayisa abulale, kodwa kuvulwe ityala lokubulala ngaphandle kwenjongo, kwaye amapolisa akhangela obunye ubungqina,” utshilo uMawisa.

Le ngozi ibangele ukuli- baziseka isithuba seeyure ezimbini kweenqwelo mafutha ezihamba ngohola wendlela N2 ogqitha kwidolophu yaseQonce.

Le ndlela ivulwe emva kokuba amagosa karhulumente enze wonke umsebenzi wawo, waza wathathwa umzimba wexhoba kamva.

Lo mfundi ebesenza ibanga leshumi, kwaye ebephuma kwigumbi lokubhala iimviwo zakhe zasebusika ngethuba efumana ingozi. Ukanti isebe lemfundo kunye nenqununu yesikolo iBreidbach abafumanekanga ukwenza ilizwi ngalo mcimbi.

Iingxelo zencukacha manani ngokubhubha kwabantwana kweli ngonyaka ka2013 bebekumashumi amathathu anesixhenxe eepesenti ekhulwini abantwana besikolo ababhubhe kwiindlela zoMzantsi Afrika.

Ngonyaka ka2009 abantwana besikolo abakumakhulu asixhenxe namashumi amahlanu anesine babhubhe kwiingozi zendlela eMzantsi Afrika.