Abazali badinga ukufundiswa ubuzali

“Akukho misebenzi ndiyixabise nendiyihlonipha ukogqitha eyobongikazi, abafundisi-ntsapho kwakunye nonontlalontle. Inene, bayasithwala isizwe abo bantu.”

la ngamazwi endawabhala kwesinye sezibhalo zam esapapashwa kulo nyaka uphelileyo phantsi kwesihloko esithi “Ngubani okhathalela abongikazi?”

Ukanti ebutsheni bonyaka phantsi kwesibhalo esihloko sithi “Umnt’ uyatshintsha” ndabhala ndathi “Kutshanje ndizibhaqa ndisebenza bucala kwicandelo endigazange nakanye ndanqwenela ukuxelenga kulo; ezemfundo….” Kwakwesisibhalo sinye, ndaqhuba ndathi:

“Unyaka usaqala kodwa intliziyo yam seyilihlwili yimeko endijamelene nayo, emva kokuchitha ixesha nabantwana bonke bezi zikolo zozibini endisebenzisana nazo.”

Kutshanje phaya esikolweni ndizibona ndisenza umsebenzi obuyelelana nalo wenziwa ngoonotlalontle, kodwa owam ukwinqanaba elisephantsi kakhulu, kuba kaloku andiwuqeqeshelwanga ngokusesikweni lo msebenzi.

Kudla ngokuthiwa yilumkele into oyinqwenelayo hleze ifezeke. Ingaba bethu lentlonipho kudala ndabanayo kubantu abaxelenga kwezemfundo nezentlalontle sesinye sezizathu ezindenze ndazibona sendigaxeleka kwimisebenzi ebuyelelana kuzo? Ndicela undive kakuhle, oku ayisukuba ndiyakhalaza okanye ndiyazisola, koko ndisamangaliswe kukuzibona ndizinikela ngentliziyo emhlophe ‘kubizo’ endingazange ndacinga nakanye ukuba ndingaze ndilusabele.

Andingomntu ufane alile ingakumbi xa ndikhathazekile, kodwa kumoshe kwema umntwana phambi kwam endimbona exhelekile, aze agixa xa endibalisela ngemeko yakhe yokuxhatshazwa ekhaya, zikhawuleza zithi gwantyu iinyembezi kubenzima nokuzibamba ngeenkophe.

Oku nje kodwa kubonisa mhlophe ukuba ngendingazange ndaluphumelela uvavanyo lokuqinisekisa ukuba ndikulungele kusini na ukuba ngunontlalontle.

Yiyo lonto ke ndiye ndithi ndakufumana ingcombolo yonke emntwaneni, ndikhawuleze ndimnxulumanise noonontlalontle, iThuthuzela Care Centre ekufuphi, okanye elasebe lijongene nokhuseleko lwabantwana abaxhatshaziweyo esipoliseni. Sewubona ke ngokuthi ndikhankanya lamacandelo angentla ukuba ziimeko ezikumila kunjani ezixhela imiphefumlo yabantwana abaninzi.

Ndingangenanga nzulu kule miba, kodwa endingakutsho kukuba abazali bangoyena nobangela wezi ngxaki zembethe aba bantwana. Xa ndisithi ‘abazali’ ndithetha wena mama notata ozale lo mntwana, kwakunye nawuphi na umntu omdala osisizalwane nokhulisa umntwana ongengowakhe.

Kwezi ntsuku zidlulileyo ndizive ndinomsindo nokudana okukhulu xa ndicinga ngabazali abanento ethanda ukuquqa ezikolweni beyokuxela ukungabinasimilo kwabantwana babo emva ekhaya;

ngoko bacela ootsitshala ukuba mababohlwayele bona ngokubabetha ngoswazi, kuba bona boyisiwe ngabo. Wofika abazali bexhaph’ amagwebu ngumsindo bechaza konke okugwenxa okwenziwa ngumntwana. Kodwa soze nanini na uve umzali esithi:

. “titshala, enjenjenje lomntwana kungenxa yokusilela kwam ekumqeqesheni ngendlela eyiyo nezamkumenza umntu obhetele ebomini.”

.“Eqhwalela nje kwizifundo zakhe kungenxa yokuba umyeni okanye umalume wakhe uyamdlwengula ekhaya.”

. “Enjenjenje lo mntwana kungenxa yokuba ndimbetha rhoqo ze ndimtyibeke ngezithuko ezimanyumnyenzi, kuba ngelam ndiyamqeqesha. Nam lo ndikhuliswe ngale ndlela ekhaya ndaza ndangu lomntu ndinguye nohlonitswhayo ekuhlaleni.”

. “Enjenjenje lomntwana asimniki thando nankathalo ekhaya, yiyo lonto egcwala indlela ebuya kusakusa kuba uthandana nabantu abadala le kuyo.”

.“Phaya ekhaya asizazi izimbo ezidaliwe zomntwana ofikisayo; ngoko sincedeni ngokusixhobisa ngendlela eyiyo yokumelana nokuqeqesha umntwana ongamameliyo ngenxa yokufikisa.”

Andingomzali, kunjalonje andikanqweneli ukuba nguye, kodwa nam lo ndagqitha kwiminyaka yokufikisa.

Ngokwamava am nendikubona kubantwana besikolo mihla le, ndizakulitsolisa elithi: uninzi lwabazali bethu ludinga ukufundiswa banzi ngendlela eyiyo yokukhulisa nokuqeqesha abantwana babo. Nditsho nemibutho efana neFAMSA nonoontlalontle bangakungqina oku.