Ayifikanga igalelekile iSanabo Boxing League

Isibhengezo esenziwe ngumphathiswa wezemidlalo kazwelonke, uMnu. Fikile Mbalula kunye nomongameli weSANABO uMnu.

Andile Mofu ePitoli malunga nokuziswa kwemidlalo yeBoxing League yamanqindi ozakusungulwa wenza siziqhenye kakhulu. Zininzi izinto ezibangela sizingce ngesisibhengezo esizakutshintsha umdlalo wamanqindi wabangahlawulwayo kweli.

Kufuneka ke siqinise zonke inkalo ukuze sisenge kulo mbele waphusileyo wesisibhengezo sikaJola noNdlovu.

Makhe ke siphendle esisibhengezo sijonge ukuba zizinto ezinjani ezingabangela umbathalala ukuba azisiwe so kwaye zeziphi izinto ekufuneka sizinonophele maxa onke. Ukuze sikwazi ukuziboba zonke ezinkalo kufuneka siqale sijonge ubume bale Ligi. Le ligi kuthiwa yiSANABO BOXING LEAGUE (SBL) izakudlalwa ngompondo zihlanjiwe bamaphondo olithoba, kwabasethyinini nabasebuhlanti. Amaphondo azakusindleka le midlalo ngeli xesha lokuqala le midlalo ngamaphondo amabini, iphondo leMpuma Koloni kunye nephondo leRhawuti.

Le nto ithetha ukuthi kanye ngeveki ezimbini kwakubakho le midlalo ikudidi oluphezulu. Amaqithiqithi azakuzuzeka ke apha angapha kokuqonda kubantu bonke ababandakanyekayo, ukuqala koomama abathengisayo, abadlali, abagwebi nosompempe, isigqeba esilawulayo kunye nabatyali zimali. Oosompempe nabagwebi bazakuba noqeqesho olukhethethekileyo, oluzakulungelana nemidlalo ekudidi oluphezulu.

Isigqeba solawulo kwizintlu zonke naso asizokushiywa ngemva ekuqeqeshweni ukuze sikwazi ukuza netumente ezisemgangathweni. Abadlali ke bona abazukungena nje eqongeni baphume bephaca, zininzi izinwe ezibekelwe abadlali, amaqela aphume kwindawo yokuqala ukuya kweyesithathu, kunye nomdlali ogquqgisileyo kubunzima alwa kubo.

Abatyali zimali bona nabaxhasi bazakufumana ukubonwa ngabathengi ngenxa yomabonakude. Eyona nto ke ingumdla kum ngamaqithiqithi aya kwimbaleki zethu, ngakumbi ezi zikwizinga lehlabathi. Iimbethi manqindi zethu ezikwesisigaba bezisoloko zibhekabheka kuba bekunzima ukufumana imilo rhoqo kumaphondo azo ngenxa yokuswela iintanga zazo.

Ngoku zizakulwa rhoqo, imilo ezenza zingadeleli. Ezona mbethi manqindi zincume olukaBlankethe kule midlalo kunazo zonke, zimbethi manqindi ezikudidi luka-75kg ukuya ku-81kg, kaloku ziyanqatyelwa yimilo kuba iimbethi manqindi zinqongophele kula madidi xa kusiliwa ngokwephondo.

Oku kuzakuphucula nomgangatho wamanye amaphondo kwenze ukuba ubunganga bamanqindi bungalali kumaphondo amathathu kuphela – iMpuma Koloni, IKwaZulu Natal kunye neRhawuti koko namanye akwazi ukunyusa umgangatho kuzo zonke inkalo. Oku ke kunganyusa neqela lamanqindi eliya kwimidlalo yee-Olimpiki zika2020. Imicelimngeni ekufuneka ke siyidibanise nomhlonyane kusaqalwa ke ikhona kakhulu. Kaloku uninzi lwabantu kweli lizwe abakayilandeli into yokuba umbutho weSANABO awukho ukuphuhlisela umbutho kaBoxing SA, kungoko balindele ukuba imbethi manqindi eqaqambileyo iye kwiqonga labahlawulwayo.

Ezi tumente ke zingaphela zisetyenziswa, ngakumbi ngabathelekisi ekulobeni iimbethi manqindi ezithembisayo ukuba ziye kudidi oluhlawulwayo. Oku kunganxamnye nenjongo enkulu kaSANABO, yokusebenzisa letumente njenge qonga lokulola abadlali ukuba bakulungele ukuya kwimidlalo yezinga lehlabathi. Ndiyathemba ichiza sele lisecepheni, ukuze siwuchile lo mkhwa ungasonzakalisi.

Ukuze ke uNdlovu noJola bakhuthazeke, kufuneka thina bamanqindi sihambise ivangeli yeSBL.