Ifumene abaxhasi abatsha i-EPRU

Ekugqibeleni ude wahlangulwa umbutho wombhoxo waseBhayi i-Eastern Province Rugby Union (EPRU), emva kokuba kuvele inkampani ezakufaka inkxaso ungabisacinywa nje ngenkampani.

Inkampani yaseLondon, ebizwa ngokuba yi-Intergrated Sport ichazwe njengabaxhasi abatsha balo mbutho. I-EPRU ibisandula ukudlulisa isicwangciso sayo soshishino kwinkundla ephakamileyo yaseBhayi kwiinzame zokunqanda ukutshatyalaliswa kwayo.

Ngokwesisicwangciso sidluliswe enkundleni, le nkampani iza kufaka izigidi ezingamashumi amabini ngonyaka kwi-EPRU kule minyaka mihlanu izayo.

Ekuqaleni bekukhe kwavakala amarhe okuba le mali izakuba zizigidi ezingamashumi asibhozo. I-EPRU ibisengxakini yemali kwezinyanga zidlulileyo, ukusukela kunyaka ophelileyo nalapho ibingakwazi ukuhlawula abadlali kunye nabasebenzi.

Oku kusilele kuye kwakhokelela ekubeni abadlali abaliqela bakhangele amadlelo aluhlaza babaleke kwi-EP Kings neSouthern Kings.

ISARU nayo kuye kwanyanzeleka ukuba ingenelele iwuthathele ezandleni zayo lo mcimbi. Umongameli we-EPRU uCheeky Watson naye usoloko eziphepha iindibano zombhoxo ngenxa yesi siganeko.

Kwikhasi layo lomnatha le nkampani yakwa Integrated Sport izichaze njengenkampani enomdla kakhulu kwezemidlalo, nasekuncedeni amaqela asemancinci. Le nkampani ineminyaka emgamashumi amathathu ithabatha inxaxheba kwezemidlalo.

ISouthern Kings zikwazile ukubuyela kwiSuper Rugby kule sizini, kodwa lelinye la maqela angaqhubi kakuhle ukuza kuthi ga ngoku. Enye yeengxaki azibonakalayo kukungabikho kwabadlali, kwaye kusetyenziswa abadlali abancinci ixesha elininzi.

Ukungenelela kwale nkampani kufika kanye ngelixa i-EPRU idingayo, kwaye kungaba luncedo.