UMadubanya umkile kwiPlatinum Stars

Umdlali wasesiswini owaziwayo jikelele, uLetladi Madubanya, wohlukene nePlatinum Stars. Ukuhamba kwale ndedeba yakwaMadubanya kubhengezwe yiyo kuFacebook apha ezintsukwini.

“Kuni nonke balandeli nani bahlobo bam, ndinqwenela ukunazisa, phambi kokuba nifunde kwezinye iindawo, ukuba mna nePlatinum Stars sohlukene. Ndiyabulela wonke umntu kwiPlatinum Stars ondinike inkxaso. Ndiyabulela nakubalandeli,” kubhale uMadubanya.

Akukho sibhengezo esenziweyo yiPlatinum Stars phambi koshicilelo lweli phephandaba. Ziwe phantsi iinzame zeli phephandaba izolo. Lo mdlali siswini ngomnye wabadlali ebekuxhathiswe ngaye kweli qela laseRustenburg kwaye udlale indima ebalulekileyo kwinkqubela eyenzeke phantsi kukaCavin Johnson kule sizini iphelileyo evalwe iDikwena ihleli kwindawo yesithathu.

UMadubanya waziwa kakhulu ngokudlala ngokuzimisela ngamaxesha onke futhi kulindeleke angadingi ndawo yokudlalela phambi kwesizini entsha ezayo. UMadubanya udlalele amaqela afana neBloemfontein Celtic, iSuperSport United neBidvest Wits.

Kwelinye icala unozinti weMaritzburg United, uGlenn Verbauwhede, wohlukene neqela laKwaZulu Natal ekupheleni kwesizini ephelileyo. Ukuhamba kwalo mdlali, odlale izihlandlo ezilishumi kule sizini, kuqinisekisiwe yiTeam of Choice.