Ubanjwe emva kokuhlasela umhlobo wakhe ngekrele

Kubanjwe igatyana lomfana emva kokutyholwa ngokuhlaba umhlobo walo esiswini ngesabile ngethuba belele kwindlu yabo eseHerrimah, e-Utah eMelika.

Abakwantsasana barhanela ukuba, eli gatyana lingadizwanga ngagama line-17 leminyaka, kunokwenzeka ukuba liye laphazamiseka phambi kohlaselo.

Ixhoba, nalo eline-17 leminyaka ubudala, lihlaselwe malunga nentsimbi yesithandathu ngentseni yangoMgqibelo, nalapho lihlatywe kumzimba wangasentla.

Akwaziwa nokuba ebelele ngethuba lohlaselo kusinina. “Iyothusa, kwaye sisiganeko esikhwankqisayo nesingaqhelekanga,” uLieutenant Lex Bell wamapolisa, uxelele oonondaba.

Amapolisa acingela ukuba iziyobisi ingangunobangela wesi senzo.