‘Sifuna abadlali abathathu’

IBaroka FC ayikabizizo iintshatsheli zeNational First Divion ngoku, kodwa ingabazizo ukuba ingadlala ntanganye, okanye ibethe iMilano United ngeCawa.

Ukuba ayikwazi kuphumelela iBaroka isenako ukuya kwiPSL kwakhona, ingakumbi ukuba iHighlands Park ehleli kwindawo yesibini ayikwazanga ukwedlula amagowuli amahlanu eshiywa ngawo yiBaroka.

Umqeqeshi weBaroka Kgokolo Thobejane uthi uqinisekile ukuba uninzi labadlali bakhe bangakwazi ukumelana nokudlala kwiPSL.

UThobejane obengutitshala uthethe mayelana nendlela abasebenze ngayo kwiNFD, ukuqhuba kakuhle kwiNedbank kunye nethuba abanalo lokudlala kwiPSL kwisizini ezayo.

“Into yokudlala kwiPSL izakuthetha lukhulu kwiphondo laseLimpopo kuba kuzakubakho iqela lesibini elisuka kwela phondo kwiPSL.

Le nto izakubonakalisa ukuba italente ikhona apha, kwaye izakuba yinkuthazo kubadlali bebhola ekhatywayo abakhulayo.”

chris.gilili@inl.co.za