Isizathu sokugxothwa kukaZongo

Kukho isaci esiXhoseni esithi aliphandlwa kabini. Le ntetho ithethwa ngumntu emva kwesehlo esithile, kodwa ongazimiselanga kuba lixhoba amatyeli amabini elandelelana.

Ngempelaveki kuvakele iindaba ezinwenwe okomlilo wedobo ezithi uMasibuyisane Zongo ugxothiwe yiPlatinum Stars. Lo mdlali unamashumi amabini anesithandathu watyikitywa yiDikwena ngo’2015 emva kokuba uCavin Johnson wabuya kweli qela laseMntla Ntshona.

UZongo ngomnye wabadlali abanesiphiwo sokudlala ibhola esikhethekileyo nothandwa kakhulu ngabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika jikelele, kodwa omane ebanesiqabu ebholeni ngenxa yezinto ezoyamene nokungaziphathi kakuhle.

Nangona iPlatinum Stars ingayixelanga eyona nto ibangela ukuba agxothwe, kodwa kuvakele into ethi, lo mdlali ubuyele kula nto yakhe yokungaziphathi kakuhle ebangele ukuba aphoswe yimidlalo emibini. UZongo uyiqale kakuhle kakhulu le sizini iqhubayo phantsi kweliso elibukhali likaJohnson okhe phantsi isitya sigcwele nangona bekubonakala ukuba uzimisele ukusihlangula isakhono salo mdlali.

Lo mdlali uthathwa ngabantu abaninzi njengoyena mdlali unesiphiwo sokudlala ibhola kwibhola yalapha eMzantsi Afrika kudala enikwa amathuba ngamaqela ohlukeneyo, kodwa akhethe ukuwayeka onke lo mathuba. UJomo Sono noGavin Hunt bayivuma le ndodana, kodwa boyiswa sisimilo sayo esingasulukekanga.

UMadondo noMbongeni banikwe izohlwayo zemali engachazwanga emva kokophula imiqathango yeqela. “Sileli qela imiba ephathelene nesimilo siyithathela ingqalelo kakhulu. Umnu. Mzimela noMadondo banikwe izilumkiso zokugqibela ezibhaliweyo baphinda bagxizwa ngomdliwo wemali,” utshilo umanejala weDikwena, uSenzo Mazingiza. Eli qela laseRustenburg soloko lihleli phakathi kwamaqela aphambili kwi-Absa Premier Soccer League ukusukela oko kuqale isizini.