UBartlett ufuna inguqu kumdlalo ozayo

Umqeqeshi weUniversity of Pretoria, uShaun Bartlett, ushiyeke ephoxekile emva kokuba iqela lakhe linikezele ngethuba lokuqokelela amanqaku amathathu.

AmaTuks abethwe yiKaizer Chiefs ngo’2-1 kumdlalo weAbsa Premier Soccer League obuseTuks Stadium ngoLwesithathu. Ukubethwa kweqela likaBartlett kulibuyisele umva ngakumbi ngoba liphakathi kwamaqela amathathu asecicini lokuthotyiselwa ekupheleni kwale sizini. AmaTuks ngawo afake igowuli kuqala ngonyawo lukaVuyisile Ntombayithethi, kodwa kuthe xa kuphakathi kwisigaba sesibini somdlalo yabuya ngamandla iChiefs. UBartlett uvumile ukuba iqela lakhe ngelenze ngcono kula mdlalo.

“Ya, kunzima ukwamkela iziphumo ezinje ube usazi ukuba wenze ngokwaneleyo ukuze uphumelele umdlalo. Besinamathuba oneleyo okuphumelela umdlalo. Kufuneka sibebukhali phambi kweempondo,” utshilo uBartlett. Kule mpelaveki i-University of Pretoria idibana neJomo Cosmos, kwaye uBartlett uthi kunyanzelekile bafumane amanqaku kulo mdlalo.

“Kufuneka siqinisekise ukuba sifumana amanqaku apheleleyo kulo mdlalo,” uvale ngalo mazwi uBartlett.

Iziphumo zemidlalo:

Tuks 1-2 Kaizer Chiefs, Orlando Pirates 0-0 Polokwane City, Ajax Cape Town 0-0 Mamelodi Sundowns, Jomo Cosmos 0-0 Bloem Celtic, Black Aces 2-4 Golden Arrows, Chippa United 4-1 Platinum Stars