UHunt ujamelana neqela asuka kulo

UGavin Hunt uzakujamelana neqela asuka kulo, iSuperSport United kumdlalo weBidvest Wits naMatsantsantsa kwiPremier Soccer League, ngokuhlwa namhlanje eLucas Moripe Stadium.

IWits ayiqhubanga kakuhle kwimidlalo emibini edlulileyo, idlale ntanganye neFree State Stars kumdlalo wePSL kwiveki engaphambili.

Kanti ngoMgqibelo iWits ikhiqwe yiFree State Stars, kwakhona kwiNedbank Cup emva kwamapenalthi.

UHunt uyayazi iSuperSport njengomqeqeshi ohleli kweli qela iminyaka esixhenxe, wade waphumelela nalo indebe yeNedbank Cup kwisizini ka2012.

ISuperSport ayizobetheka lula ingakumbi xa idlalela kowayo, phantsi kwesandla somqeqeshi omtsha uStuart Baxter nobonakalayo ukuba unombono ngeSuperSport.

Imisila isephezulu kwiSuperSport emva kokubetha iMpumalanga Black Aces kumdlalo weNedbank Cup kule mpelaveki sisuka kuyo.

Kumdlalo wesibini wePSL, namhlanje iFree State Stars izakwamnkela iMaritzburg United ehleli emsileni kwiPSL, eGoble Park ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa.

IStars ibethe iWits kumdlalo weNedbank Cup ngoMgqibelo, kwaye iqhuba kakuhle kakhulu phantsi kukaGiovanni Solinas. IStars ihleli kwindawo yethoba kumaqela e-PSL.

Imidlalo yePSL ngoLwesithathu: Jomo Cosmos vs Bloem Celtic ( 15:00), Black Aces vs Golden Arrows(15:00), Chippa United vs Black Aces ( 15:00), Ajax Cape Town vs Mamelodi Sundowns (17:30) , University of Pretoria vs Kaizer Chiefs (19:30) , Orlando Pirates vs Polokwane City(19:30).

chris.gilili@inl.co.za