Ubanjiwe otyholwa ngokudlwengula umfundi eDutywa

AMAPOLISA aseDutywa ayibambe ayivalela indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ngezityholo zokudlwengula umfundi,emva kokuba le ndoda ibiqale yacela umtshato kulo mfundi.

Esi sehlo senzeke kwilali iSundwana eChizela eDutywa ngoLwesihlanu. Iingxelo zithi, lo mfundi uneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ebesuka esikolweni ngethuba edibana nale ndoda.

“Le ndoda iqale ngokuqhasa le ntwazana, isithi ifuna nokuyitshata. Le ntwazana yalile, kuba isithi iselula futhi isafunda,” sitsho isithethi samapolisa ale ndawo uKapteni Jackson Manatha.

UManatha uthi, emva kokuba yalile le ntombazana, le ndoda iyitsalele kwikhaya layo, nalapho kurhaneleka ukuba iye yayidlwengula. “Amapolisa aye abikelwa ngesi sehlo, aze aya kule lali ngoMgqibelo abamba umrhanelwa,” utsho uManatha.

Le ndoda ibekwe ityala lokudlwengula, futhi kulindeleke ukuba ivele kwinkundla kamantyi eDutywa namhlanje.