Ralegoma: Makutshintshwe uphawu lweSpringbok

Kungenzeka ukuba lisuswe uphawu lweSpringbok kwizikipa zeqela lesizwe lombhoxo, emva kweembono zelungu lepalamente yelizwe loMzantsi Afrika.

Ilungu lepalamente le-ANC uStrike Ralegoma ucele ukuba kusuwe iSpringbok kwesi sikipa, kwintlanganiso yekomiti ejongene nezemidlalo nolonwabo ePalamente ngoLwesibini.

“Ukuze liphumelele idabi lenguquko kwezemidlalo, onke amaqela esizwe kufuneka asebenzise uphawu olufanayo,” utshilo uRalegoma.

“IProtea isetyenziswa kuyo yonke imidlalo njengophawu, kodwa kukho i-SARU ekhetha ukusebenzisa iSpringbok.”

“Kubalulekile ukuba sibe- nophawu olunye.”

URalegoma ukwangxeke kabukhali ukuhamba ngenyawo lonwabu, inkqubo yeenguqu kumbhoxo weli loMzantsi Afrika. Uxelele neenkokheli zeSARU ukuba kuzakubakho ingxaki ukuba aluzi utshintsho ngokukhawuleza kulo mdlalo.

ISARU iphinde yafumana ukugxekwa ngenxa yokunqaba kwabantu basetyhini kulawulo lwayo. Olu phawu luvela kwicala lasekunene kwisikipa seSpringbok, kwimidlalo yovavanyo, ngelixa iProtea ivela kwicala lasekhohlo.