IMzomhle ibhiyozela iminyaka angamashumi amahlanu

Bonke ababengabafundi besikolo samabanga aphakamileyo iMzomhle High School, eMdantsane bayamenywa ukuba badibane kwesi sikolo sikhankanywe ngentla ngomhla wamashumi amabini kule nyanga ngentsimbi yesibini emva kwemini.

Le ndibano inxulumene namalungiselelo omsitho wokubhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu siqhuba esi sikolo, nozakubanjwa ekupheleni kwalo nyaka. IMzomhle yasungulwa ngonyaka ka1966, lo ngunyaka wamashumi mahlanu ikhona. Sisikolo sokuqala samabanga aphakamileyo esathi sakhiwa eMdantsane ngo1966.

Oko yathi yavulwa iMzomhle izenzele imbali entle kwezemfundo, kwezemidlalo, emculweni nakumaphulo onkuncedisa ekuhlaleni jikelele ingakumbi eMdantsane.

Iinkokeli ezininzi kumacandelo ahlukeneyo zisuka kwesi sikolo. Uninzi lwazo zikwilizwe loMzantsi Afrika jikelele, nakumazwe aphesheya kweelwandle.

Igalelo labo ekuphuculeni uMzantsi Afrika siliqhwabela izandla. Namhlanje esi sikolo naso siyabadinga. Igalelo labo ekuqinisekiseni ukuba siya- qhubekeka silijonge ngamehlo abomvu.

Le ntlanganiso ilandela iintlanganiso ebesinazo ukusuka kunyaka ophelileyo, nalapho bekusonyulwa ikomiti ezakulungiselela lo msitho. Bonke ababefunda eMzomhle kunye nootishala bayamenywa ukuba bazimase lo msitho wokuhlonipha isikolo abaphuma kuso.

Intsebenziswano yakho, ngokwengcinga nesisa iyafuneka ukukhumbula igalelo lesi sikolo.

Yiza uzokwabelana nathi ngeenkumbulo zakudala, emagumbini okufunda, kwiOlimpiki, kumbhoxo, kwiqakamba.

Emanqindini, emculweni nakwipolitiki. Igalelo lakho kwimbali yesi sikolo alisokuze lilibaleke.