Mazihlonitshwe iimbethi manqindi zethu

ukubeka phantsi kwenye yeembethi manqindi eziphambili kweli phondo, uLwandile Sityata, kwinyanga ephelileyo.

Ukufuduka kwenye yeembethi manqindi engekabethwa neyintshatsheli ephum’ izandla isiya kwiphondo laseGauteng, uXolisani Ndongeni kuyaphazamisa.

Asinakuthula, kufuneka sikhangele unobangela ukuze sikwazi ukunqanda kungaqheleki oku, sifumane umkhomba ndlela.

Ndiyazi ngumba ekudala ushukuxwa ngumzi wamanqindi kwaye ziwa ngokuwa iintetho ngomba kaLwandile, bambi babona abaphathi bakaLwandile abakhokelwa ngu-Ayanda Matiti besilele ekuphumezeni izithembiso neemfuno zikaSityatha.

Bambi babona uLwandile enganambulelo kuMatiti emva kokumncekelela ngexesha ebelinzima. Andigwebi kodwa, ithumba liphila ngokucudiswa.

Kutshanje umfana wakwaNdongeni, uXolisani ushiye umqeqeshi wakhe ebesiwa evuka naye, wabheka kweleNduduma. Umke kukho umcimbi wokungakrotyiswa efestileni nguDicksy Ngqula kumba wemali yePremeir Boxing League esisigidi seerandi.

Akukacaci ukuba uyifumana nini uNdongeni le mali, uMnu. uNgqula ubik’ imbiba ubik’ ibuzi ngalo mba. Andiyazi eyenze wathatha isigqibo sokuya eGoli, asinakudla nokuba asazi. Kufuneka siyibhenca-bhence ukuze sinqande ukuduma ngengxushungxushu komdlalo wethu.

Kumba kaLwandile Sityatha, indima edlalwe ngu-Ayanda Matiti kubomi bulo mfana iyancomeka. uLwandile ngumfana ohlakaniphileyo, ndikhe ndambona kumaqonga exoxa ngembeko. Kukwanjalo nakuXolisani Ndongeni, yindoda enembeko. Umbuzo ngowukuba, kwenzekeni ke?

Kukho umkhwa ongandiphilisiyo wabalandeli abathile abanomkhwa wokusoloko befaka umoya wezikhova iimbethi manqindi zethu, bengazi nto ngokuqhubekayo. Bayingozi ke aba abantu kuba xa kuthe kwanzima bayanyamalala. Iimbethi manqindi kufuneka zihluze kwezikuxelelwa ngabalandeli.

Enye ingxaki endicinga ukuba ikho ke kwiimbethi manqindi zethu apha kweli phondo ngokubanzi, kukuba abaphathi bazo amaxesha amaninzi abaziniki nxaxheba xa kuxoxwa ngembuyekezo. Le nto yenza kubekho ukungaqondani phakathi kwabo nembethi manqindi. Amaxesha amaninzi abathelekisi soloko beneminqweno emihle kodwa ngenxa yonxibelwano olucala- nye kuphele kukho ukungavani.

Izisombululo zezi mpixano zisekubeni kubekho uthetha- thethwano oluphakathi kweembethi manqindi kunye nabaphathi kusaqalwa, kuhlahlwe indlela ukuze ingulowo nalowo ayazi imigomo emiselwe yena, kungasetyenzwa ngesivumelwano somlomo esingabhalwanga, kuba akuzokubakho bungqina ngexesha lembambano.

Iimbethi manqindi kufuneka zikwazi ukuvakalisa uluvo nezinto ezingonelisiyo zize kusengethuba kungekade kubenguqhu saa! Kungabikho mvisiswano, lo nto iyakwenzeka xa kukho umbutho oqinileyo omele zonke iimbethi manqindi kwaye zithethe ngazwinye kwimicimbi edla zona.

Abathelekisi kunye nemanejala maziqiniseke ukuba kunendlela ecacileyo yokunqanda ukungevani, kwaye iimbethi manqindi zinikwa ezikufaneleyo noko kungagxotha ikati eziko.

Masithembe ukuba umfana kaSityatha sizakumbona eqongeni kwakhona esenza adume ngako kwaye onwabile. Nabaphathi bakhe masibothulele umnqwazi ngokuzama inkxolazwe phakathi kwabo nalo mfana, sithemba ukuba iyakuzala amaduna namathokazi.

uNomeva yena selwe imilo embalwa kwela phondo kwaye walwa kakuhle gqitha, mhlawumbi ngenye imini uyakuze abalise ukuba yintoni eyamshiyisa iphondo lakhe lokuzalwa. Sithandazela intlonipho phakathi kwabaphathi nabadlali ukuze umdlalo oyintandane kweli phondo ungadodobali.

Viva ngobunye Viva!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!