Baphila ngethemba abaqeqeshi beKaizer Chiefs

Kukho ingoma eculwa ngamaKrestu ethi “Bambelela ethembeni”.

Le ngoma yintonga yamakholwa ahamba ngayo. Inamandla kakhulu ngoba iyawuphakamisa umoya wabo baphelelwe ngamandla ngenxa yamahla-ndunyuka obom. Eyona nto ibalulekileyo ngayo inika ithemba, kodwa yona ayithethi kuthi iingxaki ziphelile.

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, ucula lo ngoma kwezi ntsuku, akafuni ukulahla ithemba nangona iMamelodi Sundowns igxanya phaya phezulu kwi-Absa Premier Soccer League. Amakhosi abambene ne-Orlando Pirates ngo’1-1 kwiveki ephelileyo kumdlalo obunzima eFNB Stadium.

Kwelinye icala iDowns ivule umsantsa weshumi elinesibini lamanqaku, kodwa uKhompela noDoctor Khumalo abafuni ukulahla ithemba kwaye bathi

imimangaliso iyenzeka ebholeni, nabo banethemba lokuba bakuthi bakwazi ukufumana iSundowns eyaphumelela indebe yePSL emva kokususa iChiefs eyayibambe indawo yokuqala isizini yonke ngo’2013/14.

“Kusekusasa,” utshilo uKomphela kwikhasi lomnatha leChiefs. Lo mqeqeshi owayeqeqesha iMaritzburg United ngaphambili akafuni kunikezela ngoba unethemba lokuwajika abezizonka kwimidlalo ezayo.

“Kwiminyaka emibini eyadlulayo iSundowns yayishiywa ngamanqaku afanayo nala ihamba phambili ngayo, kodwa yakwazi ukuphumelela indebe ekugqibeleni.

Umdlalo wethu ubumhle ngempela veki, ngesifumene amanqaku amathathu ukuba besikwazile ukusebenzisa amathua kwisigaba sokuqala,” utshilo uKomphela. IiGlamour-boys zityelela iGolden Arrows namhlanje eMoses Mabhida Stadium.

Ngumdlalo oza- kubanzima lo ngoba i-Arrows ibethiwe ngempela veki ephelileyo. Kufuneka iChiefs izame maqhinga wambi ukuba ifuna ukubuya namanqaku. Kumlenze wokuqala abafana besithende babuya bephaca eGoli, ngoku baza- kuzama ukufumana amanqaku ukuze inyukele phezulu kwiPSL.

Komnye umdlalo iJomo Cosmos yamkela iBlack Aces kumdlalo ozakube use-Olen Park Stadium.

pedro.mapelo@inl.co.za