’Ukoyisakala kufundisa impumelelo’

Wonke umntu, usapho, abantu basekuhlaleni, ephondweni nakwilizwe jikelele maxesha onke bahamba badibane nokungalungelwa zizinto. Bohluleke kwaye baphoxakale kukungaphumeleli kwezicwangciso zabo.

Kuko konke oko ubunyani bobu: Akugqibeli ukoyisakala. Umongameli wokuqala wenkululeko weli uNelson Mandela waqwela wathi “Eyona mpumelelo ebomini ayizinzanga ekoyisakaleni, kodwa ekuphakameni maxesha onke sisiwa endleleni”

Iingcebiso zikaMongameli Mandela zixhaswa ngabantu abalulutho kakhulu, kwaye abahlala bethetha ngokwahluleka kwabo, bekwacalula nokubaluleka kokwahluleka kunye nemfundiso ezingenakuze zifumaneke umntu engakhange aqale ohluleke ebomini.

Iziphumo zebanga leshumi zika2015 zingumzekelo kwanomboniso wendlela eli phondo leMpuma Kapa elithe langcamla ngayo impoxeko.

Nangona kunjalo, akumelanga ukuba silahle mbeleko ngakufelwa. Kumele sihlale sikhumbula intetho edumileyo yaseJapani ethi “Ukoyisakala kufundisa impumelelo”.

Indlela eyiyo yokuthatha ingqalelo ngempoxeko kwiziphumo zika -2015 ezakunceda ukuba sifunde lukhulu kwesi sehlo, iqala ekuhloleni iimeko esiphila phantsi kwazo emva koko sithathe amanyathelo aluncedo nalindelekileyo.

Sidinga ukuzibuza le mibuzo ilandelayo:

• Kungani oku kwezekile?

• Ingaba kukhona ebesinokwenza ukunqanda imeko elolu hlobo ukuba ingenzeki?

• Ingaba kukho iziphoso emsebenzini wethu nakwindlela esenza ngayo ezinokuthi zilungiswe?

• Singawasebenzisa njani amava esinawo ukunceda le meko?

• Singaphuhlisa ndawoni emva kwesi siganeko?

Ngaxesha sizibhenca thina, sikwajonga undonakelephi, kumele silumke singakwenzi oko sinengqumbo neziqalekiso oko kuyakunqanda impumeleleo. Kumele sikwenze sinengqondo ephaphileyo nekwajonge inzuzo entle khon’ukuze izinto sizenze ngenye indlela ezakubaluncedo kuthi ngomso.

Ukuzokuthi ga ngoku, naku esikwenzayo njengoRhulumente wePhondo. Kwakhona iphondo likwazile ukunikela kubafundi abane inxaso yemali kwizifundo zabo.

Eyona nto eyenza umdla, aba bafundi bavela kwiimvaba ngemvaba, abanye basuka kwizikolo zasezilalini ezingena kunxulunyaniswa nezasedolophini.

Oku kubonisa iitalente ezahlukileyo abanazo abafundi kwanothando olungazenzisiyo kubafundisi-ntsapho beli abahlala bezama konke okusemandleni abo ukwakha eli lizwe.

Ukusukela ngonyaka ka-2009, ilizwe lethu layibona imfundo nje- ngesona sixhobo sibalulekileyo esikwangumba wasekuhlaleni ophambili. Izizathu ezibangela le ngcinga zicaciswa ngcono kuhlenga-hlengiso lokuphucula ilizwe jikelele (NDP).

I-NDP ikholelwa ekubeni “Okona kutyala 0kubalulekileyo nakweliphi na ilizwe likubantu belizwe elo. Imfundo inamandla kwanexabiso elikhulu ekwakheni uluntu olungcono nokwaziyo ukumelana nemingeni kweli lixa le21st century”

Njengokuba siqala unyaka ka-2016, akumelanga siqhathwe yingcinga yokuba ukuphoxeka kuthetha ukuba siyakuba ziziphoxakali naphakade. Kumele sisiphephe isenzo sokunyhukulana sikwanyolana ngeminwe sibekana amabala. Kumele sigxile kwimibono ezisa impumelelo.

Ukufundisa umlisela nomthinjana, kuyadingeka ukuba sizibethelele kwizicwangciso nakwiinkolelo ze-NDP.

Akumele zesime endleleni yethu kuba besikhe saphoxeka ngaphambili. Masiphakameni, sizinze kwizicwangciso zethu emva koko silandelele ekhondweni leminqweno yethu.

UPhumulo Masualle yiNkulumbuso yeMpuma Koloni