UTazz uqale ezantsi esingise enkcochoyini

WAZINGISA, etyhala ngesifuba, ephoxeka kodwa zange ayincame indlela emsa empumelelweni.

UTazz Nginda, nongumdlali kamabonakude. Ngoku uyangqina ngokwenene ukuba umzingisi akanashwa.

UNginda ubalisele I’solezwe lesiXhosa izolo ngendlela yakhe eyasingisa kulo mntu anguye xa kunamhla.

“Ukuphumelela kwam ibanga leshumi, umama wayengenayo imali yokundisa eYunivesithi ndiyokwenza izifundo zobunjineli.

“Kwakunzima nokuba ndingazama ibhasari kuba zange ndiziphumelele kakuhle izifundo zenzululwazi,” utshilo.

Wafunda kwizikolo iSiyaphambili kunye ne-Doglous Mbopha eMotherwell, eBhayi, nalapho aphumelele izifundo zebanga leshumi ngo-1996.

Uzelwe enguMthetheleli Nginda, ezalelwa kwilokishi yaseZwide eBhayi, kodwa uthe eminyaka ilishumi ubudala, indlu kanina yagutyungelwa ngumlilo-nto leyo yanyanzelisa ukuba bafudukele kwilokishi yaseMotherwell.

UNginda usebenze kwiinkampani eziliqela, emva kokungawufumani umsebenzi wayewunqwenela nowokuba ngunogada entolongweni (Prison Warder).

Usibalisela efile yintsini ngalo mnqweno wakhe, “Basikhaba kathathu isicelo sam sokuba ngunogada ndinganikwa nezizathu zokukhatywa kwaso.

UNginda, 38, okhuliswe ngunina, noyintombi yelali yakwaNobumba eNgqushwa, uthi wayebona amadoda axhasa iintsapho zawo ayephangela njengonoogada entolongweni naye wanomnqweno.

Uhambisa athi, ukhule enomdla omangalisayo wokudlala ibhola ekhatywayo.

Maninzi amaqela asekuhlaleni awayewadlalela, kuquka iMotherwell All Stars, PE Callies, iPeddie City Lads yaseNgqushwa.

Wakhetha ukusingisa eRhawutini ngonyaka ka2000, ethembeni lokuba izinto zizakumhambela kakuhle ekuphuculeni ikamva lakhe ebholeni.

“Ukufika kwam apha ndafikela kumhlobo wam uMike Mkhosi owayengumsebenzi kwaSAA, wandixhasa ukuze ndifezekise lo mnqweno wokuba ngumdlali webhola.

“UMike wandinika iinyanga ezintathu kuphela ukuba ndifezekise oku, wandixelela ukuba emva kweenyanga ezintathu ukuba andilifezekisi eli phupha, ndibuyela umva eBhayi,” ubalise watsho uNginda.

Emva kweenyanga ezintathu ndafumana ingozi yokukruneka, ndabe ndiyawushiya umdlalo webhola.

Iinyanga ezintathu zazisele ziphelile kwaMike, kwaye wayendinike zona kuphela ukuba ndigqamise ikhono lam. Waye wathini?

“Wayesele elithengile itikiti lokuba ndibuyele ekhaya, kodwa lingabhalwanga suku.

Kwangoko ndatsalela uLupi Ngcayisa umnxeba (naye osuka eBhayi), wandibiza ukuba ndiyokuhlala nabo. Ndasebenza kwinkampani awayekuyo ngoko ebizwa Hot Dogs iminyaka emithathu.”

Kwathi kanti uNginda imbonakalo yakhe izakumnika elinye ithuba.

“USam Mpororo owayesakuba nguMr South Africa wandibona kwindawo yokuzilolonga, wandixelela ukuba ndinomtsalane, kunye nomzimba omhle, mandizame iModelling.”

Emva kokuhlala kwiModelling iminyaka emine, uTazz wabonwa ukuba angalunga ukuba ngumdlali wemiboniso.

Emva kokuba uNginda umhlobo wakhe uMnoneleli Nelani (owayekwi Tsha Tsha) emfake ekudlaleni kwimiboniso, nathi wayengakuboni kakuhle ngelo xesha, wafumana indima kwiSoul City 8, emva koko zange aphinde ame.

Uzibonakalise nakwimidlalo efana no-Zone 14, Mthunzini.Com, Tshisa, Egoli, Ntsika ukuya kwiRhythm City.

Kulindeleke ukuba uTazz Nginda abonakale kumdlalo kaConnie noShona Fergurson othi Igazi ebutsheni benyanga ka-Epreli, nalapho azokube edlala indima kaDetective Tyeku.

Lo mdlalo wenzelwe kwidolophana yaseCoffeebay eMpuma Koloni kunyaka ophelileyo.

Kwakhona uzakudlala kumdlalo omfutshane we-M-Net othi ‘My Girl’.

simphiwe.freddie@inl.co.za