Amabango emva kogwayimbo lwabafundi

KUBIKWE umonakalo omandla ngethuba loqhankqalazo lwabafundi phantsi kwentshukumo ethi #FeesMustFall.

Inkampani ye-inshorensi iSASRIA ivakalise ukuba angaphaya kwekhulu amabango afakwe ngenxa yale ntshukumo, nabalelwa kwimali engamashumi amabini anesibini ezigidi zeerandi.

Uninzi lwala mabango angenxa yokuphazamiseka koshishino, imililo kumashishini umonakalo kwizithuthi, izakhiwo nezixhobo zokusebenza.

Amabango angaphaya kwesiqingatha axabisa imali efikelela kumashumi amawaka eerandi, ngelixa ishumi elinambini leepsente kuwo engadlulanga kwimali eyi R350 000.

ULizette Erasmus oyingcaphephe ye-inshorensi kwa IntegriSure uthe, “Uqhankqalazo lwangoku nokuba lolwenkonzo, imimba yezemfundo, upolitiko neminye imiba linobundlobongela obubangela umonakalo nokuphazamiseka kwemisebenzi. Ngamanye amaxesha lichaphazela nabo bangenanto yakwenza, impahla kwanezithuthi zabantu.”

U-Erasmus uthe, malunga namashumi asibhozo eepesente wemingcelele yoqhankqalazo kweli inobundlobongela nosebudale iingxwelerha kubantu nakumashishini akwiindawo apho kuqhutywa khona uqhankqalazo.

UThokozile Ntshinga ongumlawuli wesigqeba kwi- SASRIA uthe ngabo kuphela inkampani ye-inshorensi ekhusela umonakalo odalwe ngabaqhankqalazi kweli loMzantsi Afrika.

UNtshinga ukwathe, “Sikhusela imizi yoluntu, izakhiwo zikarhulumente, iinqwelo-mafutha, namashishini kumonakalo onokuthi ubangelwe luqhankqalazo okanye udushe lwasesidlangalaleni.”

Ukwathe bakwakhusela nokuphazamiseka koshishino, ilahleko yemali umonzakalo kuthutho lwempahla kwakunye nezilwanyana.

Ukanti * -Erasmus umemelele abakushishino ngelithi mabaqwalasele izinto ezikhuselwa yi-inshorensi yabo.