Bayanyhilana ngenxa yemali yesikolo

Kujongenwe ngezikhondo zamehlo ngabasemagunyeni kwisikolo samabanga aphantsi iLucingweni kufuphi naseMpindweni eMthatha, kulandela izityholo ezahlukeneyo eziquka ukusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo yinqununu ephetheyo.

Le ngxwaba-ngxwaba iqale kunyaka ophelileyo kodwa yaqatsela ngoMvulo ngethuba abahlali bale lali iLucingweni bevalela abafundisi ntsapho benyanzelisa inqununu, uJimmy Mnge ukuba acacise ukuba iyephi imali yesikolo.

Kunyanzeleke ukuba isebe lezemfundo kwisithili saseMthatha ligaleleke kwesi sikolo lizosabela iingxaki lihlangule inkqubo yokufunda nokufundisa. I’solezwe lesiXhosa lithethe nabanye ootitshala besi sikolo abaphalaze imeko embi abasebenza phantsi kwayo.

Omnye wootitshala esingenombiza ngegama ngelikhusela umsebenzi wakhe uthe: “Unozala wolu dushe kukuba inqununu ayifuni kuphendula ngendlela esebenzisa ngayo imali yesikolo, okwesibini sanikwa imali nguLotto asiyazi ukuba yenzeni kuba akukho komiti ilawula imali, akuthethwa nathi andisayithethi ke eyokuncwaswa kwethu yinqununu ayisisebenzisi kakuhle.”

Iingxelo zithi, kukho iinkampu ezimbini esikolweni nto leyo iqhwalelisa inkqubo yokufundisa esikolweni.

Aba titshala bakwatyhola isebe lezemfundo ngokufeda ukusombulula le mbambano sele idale ingxaki phakathi kwabasebenzi abanye behamba nenqununu exhuzula intambo. UThemba Dyasi ongumlawuli kwisithili semfundo eMthatha uthi, lulutsha olungafundisi bantwana kwesi sikolo oludunga uxolo.

“Siyayazi le ngxabano yenziwa lulutsha hayi ngabazali, besiyile ngoMvulo siyoqwalasela le meko kuba isikolo sinemigaqo esilawulayo, umntu onengxaki nolawulo makeze esebeni azofaka isikhalazo. Asikwazi kwenza phando kungekho sikhalazo siziswe ngokusemthethweni. Makungaphazanyiswa isikolo ngabahlali. Siqaphele ukuba ibhodi elawula isikolo nabazali abanangxaki nenqununu,” kubalula uDyasi.

Ilungu lebhodi elawula isikolo (SGB) njengosihlalo umnumzana Nkwebi ungqinile ngomlo oqhubeka esikolweni kodwa akakhange athethe banzi ngale ngxaki. Imimoya ichazwa njengephantsi ukususela oko kwaqala udushe kunyaka ophelileyo.

UMnge akavumanga ukuphendula kwezi zityholo, nangona nje ekuqaleni ebevumile kwidinga lokwenza udliwano-ndlebe.