Afumene inkxaso amaxhoba obundlobongela

“Eyona nto yathi yandikruna umphefumlo ngokubulawelwa umama wam, yaba kukubona izibhaxu zegazi egumbini nangakumandlalo wakhe, ndaqonda ukuba liyatshona kum ilanga.”

Lawo ngamazwi aphuma kwintwazana enamashumi amathathu ananye eminyaka ubudala. Le ntwazana ithi sele ihlala yodwa kwikhaya layo ngoku, kungoko ingekaxoli iingcinga zihlale zifike, kuba isithi ngemane esenza le umama ngoku.

Yena ulelinye lamaxhoba ebetyelelwe ngumphathiswa wesebe lokuphuhliswa kwentlalo yoluntu ephondweni, uNancy Sihlwayi, kwilali yakuMndwaku eXhorha izolo.

Umama wakhe wadlwengulwa, akugqitywa wahlatywa inxebakazi elalinzulu entanyeni, ngethuba eyokuvingcelwa ngumfana okwasisizalwane kweli khaya, ngomhla wesine kwinyanga ka-Agasti kunyaka ophelileyo.

USihlwayi uthi, umsebenzi wabo kukuthuthuzela aba bangamaxhoba, babanike ithemba, kungoko bebone kuyimfuno emandla ukuzokulilisana nabo. “Sizokosula iinyembezi kumaxhoba, siwaxhase,”

Ikumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu, usodolophu waseMbhashe uNonceba Mfecane, bebekhona kumsitho wayizolo. Abantwana bonke bezikolo ezikufutshane kule lali banikwe impahla yesikolo kwakunye neepasele zokutya.