UZondo yikapteni entsha yeDolphins

UKhaya Zondo ubhengezwe njengekapteni yokuqala emnyama kwiSunfoil Dolphins. Le mbali kweliqela yenzeka kanye xa belungiselela umdlalo wabo kunye neCape Cobras, nozakudlalelwa eSahara Stadium, eKingsmead namhlanje.

Ukwenzakala kwekapteni yesiqhelo yeDolphins, uMorne van Wyk, kunye nokungaqhubi kakuhle komntakwabo obekade ebambela, uDivan van Wyk, kubangele ukuba uZondo afumane eli thuba. UZondo ulonwabele uxanduva lokukhokela eli qela kumdlalo obaluleke ngeyona ndlela namhlanje.

“Yinto enkulu kakhulu le kwikamva lam njengomdlali, kwaye ndiyalivuyela ithuba endilinikiweyo lokuba yikapteni yeli qela,” utshilo uZondo.

“Lithamsanqa kunye newonga ukuba yikapteni yeqela lakho, nokuba leliphi iqela, kuba abantu abalawula iqela bayakholelwa ukuba ungakwazi ukukhokela abanye abadlali odlala nabo.

“Izakuba ngumceli mngeni kakhulu kum lo, kodwa ndiwujonge ngamehlo abomvu, kwaye ndinethemba lokuba ndiwenze ngempumelelo lo msebenzi,” utshilo lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu.

UZondo kukhangeleka ngathi izinto zimhambela kakuhle kule sizini ka2015/16, kuba ebesandula kutyunjwa kubadlali beProteas abahambe baya kumela isizwe e-India ku-Okthoba wonyaka ophelileyo.

Umeqeqeshi weliqela, uLance Klusener, naye ungxamile ukubona uZondo xa ekhokela iqela. “Siyavuya kukuba uZondo eza kukhokela iqela eli,”utshilo.