ISuperSport ifuna inxele leDowns

Kuvakala ukuba umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthe abadlali abathile beqela lakhe bangakhangela amaqela amatsha abanokufumana kuwo imidlalo.

Omnye wabo badlali linxele laseNigeria, * -Ejike Uzoenyi, ongazange alifumane ithuba kakuhle lokudlala ukusukela oko wafika ngo2014. Iingxelo zithi, iSuperSport United, inomdla kakhulu kulo mdlali nanjengoko eli qela lisenalo ithuba lokongeza abadlali abaphuma kumazwe angaphaya kwemida yoMzantsi Afrika.

Lo mdlali udlale nje imidlalo emibini kwiSundowns kwezi sizini zimbini zidlulileyo. U-Ejike wathathwa yiSundowns emva kokugqwesa kwimidlalo yeChan eyayisingethwe nguMzantsi Afrika ngo2014. UGordon Igesund kuyabonakala ukuba ufuna ukuqinisa iqela lakhe kwakhona ngabadlali abatsha. Lo mdlali ngomnye wabo bonzakalisa iBafana Bafana ngethuba kudlalwa iChan ngo2014.