Amanqindi nemfundo azimphazamisi uSiphosethu

Intshasheli yamanqindi kazwelonke neyinzalelwane yaseCala uSiphosethu Mazwi, oneshumi elinesibini leminyaka, uthi imidlalo ayimphazamisi nakancinci ezifundweni.

Le ntshatsheli ilipase emagqabini ibanga lesine ibilenza kwisikolo samabanga aphantsi iCala Village, nangona imaxhaphetshu ngamanqindi nje kwelinye icala.

USiphosethu uthethe wenjenje neli phephandaba: “Isikolo asihlabani nemidlalo kuba ngexesha lesikolo yiba sesikolweni xa uphuma wenze imisebenzi yasekhaya uze uye eluqeqeshweni xa ugqibile. Kwaye mna uqeqesho lwamanqindi lundenza ndivuleke ingqondo ngeyona ndlela.”

UMazwi uhambise wathi, nangona eyintshatsheli nje kodwa elona phupha lakhe kukufunda izifundo zombane.Ukwathe amanqindi uwaxabise kakhulu kangangokuba, ukuba ithuba lokuphumelela lingeza ngawo kuye angekhe alikhabe elo thuba.

Obu bulumko uthi ubufumene kumanejala weqela lakhe, uBongani Mvenge, athi ufana nqwa notata wakhe.

Kwelinye icala uSiphosethu uthi, nangona esematheni emanqindini nje kodwa umama wakhe uyamoyikisela kanga- ngokuba umane embuza ukuba akoyiki kusini na ukonzakala kulo mdlalo.

Kodwa uthi uye amchazele ukuba uqeqeshwa ngoompetha bamanqindi uyakwazi ukuzikhusela eqongeni, okwesibini uMvenge wabacebisa ukuba xa umntu esiva ubunzima makanikezele angade onzakale.

UMazwi neqela lamanqindi elichongwe kunyaka ophelileyo bazakuya eBhayi kuvavanyo kule mpelaveki izayo(fitness test).

USiphosethu ubulele wonke umntu omxhasileyo kulo nyaka, ekwathembisa ukuba nakulo unyaka uzakuliqaqambisa igama leCala neleMpuma Kapa iphela.

Watsho ebongoza nomasipala weSakhisizwe ukuba abasele iso kulo nyaka ukuze benze kakuhle nangakumbi.