Xhob’ uxhathise ngomtshato wakho

Emtshatweni ayafika amaxesha kaxakeka. Zilungisele ke, kuba ocetyisiweyo uxhotyisiwe. Ukutshata bubukroti, nazo ke izixhobo makroti ndini atshatileyo :

XHOBA: lsisekelo somtshato lulwazi ngalowo uwusekileyo, ukuze kwakufika iimvula nemimoya ungabi nakudilika.

XHATHISA: Musa ukuyekelela wakutshata, umtshato ayisosiphelo koko sisiqalo sohambo. Zakufika izivunguvungu zifake zitshone iinzipho musa ukunikezela

XHASA: Kukho izinto onamandla kuzo yena umlingane wakho abuthathaka kuzo. Zezo kanye obizelwe ukuma naye umxhase kuzo, nibe yintsontela entambo mbini engasayi kuqhawuka.

XOLISA: emtshatweni kuyanyathelwana kuba kuyasetyenzwa kwaye kuyahanjwa. Xolisa nokuba ungasiboni isono sakho.Xolisa ukuze kubekho uxolo,kaloku wena ungudaluolo.Xolisa,xolela,xola.

XABISA: umtshato wakho ,uwufanekise nesidiliya esityelwe phambi komzi wakho. Ixabiso lawo liyinzuzo kuwe,uyakudla ubuncwane bawo.

XHENTSA: nganyawo lunye nalowo umanywe naye.Umdaniso umnandi ngababini. Musa ukumtsala ngentamo kwizigqibo zasemtshatweni.

XOXA: nowakwakho nibonisane, izimvo zenu mazibekwe ekuhleni ukuze nihambe ngesivumelwano.

Xa uthe waxakana nemeko emtshatweni wakho,ngenene woba nako ukuhlasela ngezi zixhobo.

Fumana le mbalelwano rhoqo ngoLwesibini kweli phepha, nakwi-Alfred Nzo Community Radio ngeeCawe ngentsimbi yesithandathu ukuya kweyesithoba. Ndiyafumaneka ku: 079 979 3192/074 077 6372. KuFacebook ndinguMamisto’s Maqelana.