Amantombazana achongwe yiSafa

Ngenxa yesakhono sawo esisulungekileyo sokudlala ibhola ekhatywayo, amantombazana amathandathu esikolo iLudondolo J.S.S esikwidolophi yaseDutywa, afumene inyhweba enqabileyo kwiveki ephelileyo ngokuthi achongwe njengabanye babadlali abanekamva eliqaqambileyo.

Esi sikolo besimele iMpuma Koloni kwitumente yemidlalo entlobo-ntlobo ebizwa ngokuba yiSA School Sports Championship. Kulapho iLudondolo ibuye izintshatsheli ezivunyiweyo kweli loMzantsi Afrika emva kokuba ibethe onke amaphondo ebethatha inxaxheba kule tumente.

Khange kuphelele apho, ngoba abantwana abangamantombazana abaneminyaka elishumi elinesithathu abadlala ibhola ekhatywayo nabathe badlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yesi sikolo bathe bachongwa ligqiza elithile lombutho olawula ibhola kweli lizwe, iSafa.

I’solezwe lesiXhosa, iphephandaba loluntu, lincokole nala magqiyazana emva kokugaleleka kweqela elalini yawo. ULikhona Ntlupheko, umdlali siswini onekamva eliqaqambileyo uthe: “Ndonwabile kakhulu. Bekumnandi ukudlala phaya – kodwa besidlaliswa nabantu abadala kuthi.”

Ifolosi ebuye namagowuli alishumi kule tumente, * -Anitha Jako, uthe: “Ewe, bekumnandi phaya, kodwa basisokolisile abantu ebesidlala nabo, ngoba bebebakhulu kunathi. Ukufaka kwam amagowuli amaninzi kundincedile ngoba kuye kwakhula kum ukuzithemba.”

Umdlali wasemva * -Amahle Mphakathi usibalisele wenjenje ngohambo lwabo lwaseRhawutini: “Siqhube kakuhle kwimidlalo yethu ngoba besibumbene – kwaye sixhasana. Ndiyayithanda ibhola kakhulu, yeyona nto indonwabisayo.”

Omnye umdlali ophambili kweli qela, * -Elethu Sikoti, uthe kwakunzima futhi lalikhona ixhala kodwa bebencedwa kukufaka amagowuli. “Kuninzi esikufundileyo kula tumente.”

Kanti yena uNeymar wakuLudondolo, * -Ondela Mxoxozi, odlala esiswini uthe: “Bekulula kakhulu kum ngoba besibambisene siliqela kakhulu, zikhona izinto esizifundileyo ezimbalwa.”

Unozinti, uZinzi Nxanyana uthethe wenjenje: “Bendikonwabele ukudlala phaya kakhulu. zininzi kakhulu nezinto esizifundileyo kwamanye amaqela.

Esi sikolo kulindeleke ukuba sixoze mphini wumbi ngoba abadlali abaliqela bazakube beneminyaka elishumi elinesine kunyaka ozayo.