Iinyembezi zikaVitoliya ngumbulalazwe!

Ubawo uNtsikana kaGabha, imboni nomprofethi wesizwe sikaXhosa, wathi, “Kukho iintlanga ezizayo ezivela entshona ezinwele ziyephu- yephu,ziza bephethe incwadi emlomo ubomvu neqhosha elingenamthunja. Umqulu omlomo ubomvu maze niwamkele, kodwa niwufundisise. Iqhosha lona maze ningalamkeli, kuba lizakunitshabalalisa.”

Akubanga thuba lide, zafika ezi zinto.Ngenene wamkelwa umqulu omlomo ubomvu, ngethemba lokuba wafundisiswa nanjengoko kwakuyaliwe yile mboni yengqondi. Neqhosha lamkelwa kunjalo nje kwatshilwa ngalo ngoku lingazange labonwa ngaphambili kumzi kaXhosa. Namhlanje sibulalana ngalo, izizalwane zilwa ngalo kuphalale igazi, umntu akasakwazi kuphila ngaphandle kwalo kuba lifike lalitshabalalisa tu ixabiso lemfuyo nolimo.

Asiphelelanga apho ukungaziphula-phuli iziyalo zeengqondi zethu. Ubawo uKrune Mqhayi kwathi mhla kwafika ikumkani yamaNgesi aseBhilitane kweli lamaRharhabe, wadanduluka uMzima omhle engoyiki ngokoyikiswa esithi, “hayi kodwa Bhilitane, wena usiphathela umfundisi exhage ijoni, wena kumkani kwisandla sasekunene uphethe ibhayibhile, kanti kwisandla sasekhohlo uphethe ibhotile.” Ukuba la mazwi kabawo Mqhayi siwacubungula kakuhle, athetha ukuba ukufika kweBhilitane kwaXhosa kwaba kukufika kwenkolo, kodwa ingahambi yodwa, ihamba nejoni, joni elo lingumfuziselo wemfazwe, imfazwe eyalandelayo ngenene kwatsho kwemka umhlaba nentlutha kumntu ontsundu.

IBhilitane ikwathumele ikumkani yayo ithe qhiwu ikhubalo lethemba nokwayama ngengxonde enguYesu noMdali, kodwa kwangaxesha linye, le kumkani ithe qhiwu imbodlela, ibhotile ezele mome ziinyembezi zekumkanikazi yelo zwe laseBhilitane, ukumkanikazi uVitoliya. Kaloku mhla oomawokhulu bangcamla kwezo mbodlela, bafumanisa ukuba le nto ayikude kuyaphi kutywala besintu umqombothi nomthayi. Bathi ke ngokungazi ukuba bangayinika gama lithini na, kuba kaloku kwaXhosa ayityiwa kwaye ayiselwa into engenagama, bagqiba kwelokuba bayithiye ngeenyembezi zenkosazana nekumkanikazi yelo zwe laseBhilitane.

Imbali endayirhabula kootatomkhulu bam nababesilwa njengamajoni oMzantsi Afrika kula mfazwe yesibini yehlabathi, abo ke ngoobawomkhulu uSkade Ngcagawule, uFalithenjwa Mavela noGxwabule Ngcagawule, bathi kwiimfundiso zasemkhosini akukho nto yayingafunwa ukogqitha utywala. Iingqondi zamaXhosa elo xesha bathi zazithetha kuhle iinyembezi xa kufikelelwa kumba wotywala. Zazithetha zikhale ngelithi isizwe sabulawa ngotywala. Namhla amaXhosa oyiswa kweza mfazwe zemida, uhlanga lwasemzini lwadodobalisa amakroti esizwe ngokuwanyengezelaiinyembezi zikaVitoliya.

Liyinene elithi eyona nto ingumbulalazwe butywala obunxilisayo. Izifo ezifana noGawulayo, iNtliziyo, iCesina, uBhubhane neSwekile, zingade zibe ziqengqa ugodo kodwa azifiki etywaleni, kangangokuba ezinye zazo zimngena lula umntu xa ezinikezele etywaleni. Nangani oobawo uMqhayi babuveza kwantlandlolo ubungozi botywala kuthi, asizange sizithobele ezo ziyalo, suka sakhetha ukuzintyintya kanobom ngoMabaso, kungoko isizwe sethu siyintlekisa, siphelelwa sisidima, sixhinele ukuba sisizwe sonoontyintyi abangoomahlal`eshushu!

Nayiphi na ilokishi endingena kuyo kweli loMzantsi Afrika, nayiphi na ilali endityelela kuyo kweli loMzantsi Afrika, inenani elingaphaya kokuqonda leeShebeens neeTaverns. Asilotyala ke ukuthengisa utywala, ityala kukubusela ngokungenamlinganiselo! Yiya kuloo mizi ngentseni, uzakufika ulapho umlisela nomthinjana wakowethu, kuselwa kungakhange kutyiwe nesidlo sakusasa, kulandele ukubola kwezibindi nokutsha kwazo. Yiya kuloo mizi inale misitho kalambathayo emini emaqanda, uzakufika egcwele apho umntwana womzi ontsundu, amathemba esizwe, kuselwa iintlobo-ntlobo zotywala obunamagama amakhulu, bambi beshiye iintsana zingenayo nemali yesonka esimdaka, bengenayo nemali yokuhlawulela imfundo esikolweni, ufike abantwana bomzi ontsundu besela ezo ziselo zinxilisayo zingaxutywa nangamanzi, kulandele ukutsha kolwimi nemilebe, ufike imhlophe qhwa ngathi yintlantsi yedangatye.

Hayi ke andifuni nokuya kuloo mizi ngongcwalazi, ngokuhlwa nasebuku! Ufika apho ulutsha lakowethu luyaluzela, lugilana kutsho kuliwe kuhlinzwane ngamabhozo nangeelophisi, umntwana omtsha asele utywala angakwazi nokuthetha, angazazi negama, abemdaka liphele ngoko nangoko ithemba lokuma nokuphuhla kwesizwe sakowethu. Kuyo yonke le nto, akukho nto indikhathaza ngaphezu kokuba xa usiya kwiindawo ekuhlala kuzo olu hlanga kuthengwa kulo utywala, ufika kuthe cwaka, kungekho shebeen okanye tavern kwizitalato zabo, ukuba ulutsha lwabo lusela utywala, kuselelwa emakhaya okanye kwiindawo ezikhuselekileyo. Kazi lakuba njani na ikamva labantwana babo xa kuthelekiswa nelo labantwana bethu?

Ningalwi kwaye ningandivi kakubi nto zakuthi, andithi ukusela utywala kugwenxa, koko ndithi ukubusela ngendlela egqithisileyo kuko okungalunganga. Ukuba utywala besibusela ngesidima nangenkathalo, impilo yethu ibingenakuze ibe sesichengeni. Ngenxa yokuba sibusela ngokugqithisileyo utywala, imali yethu iphelela koogqirha umhla nezolo, ulutsha luba lilifa lokuxhatshazwa, ukuhlaselwa, ukubulawa ngokungenalusini, nokudodobala kwengqiqo nezinga lokucinga nokuhlakanipha, kuba kaloku xa umntu ehlala ephantsi kweempembelelo zotywala, oko kuchaphazela indlela esebenza ngayo ingqondo. Iingozi ezininzi ezindleleni zidalwa ngabaqhubi abaqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala, baphele besohluleka ukulawula izithuthi zabo.

Linye mabandla kaTshiwo, masimanyaneni sikhuthaze ulutsha luzinxweme okanye lube ngcathu etywaleni, masibafundise abantwana bethu ukuba zininzi nezinye iindlela zokuzonwabisa ngaphandle kokusela iziselo ezinxilisayo, mawahlale enkenteza amazwi kaNtsikana noMqhayi ezindlebeni zethu, ukuze kwakheke isizwe sikaXhosa esingakholosi ngamali notywala! Sakuthi sakwenjenjalo, uXhosa agqame njengeyona nkwenkwezi iqhakaze ngaphezu kwazo zonke iinkwenkwezi phezu komhlaba!