IDOLS 11: Sijonga indlela kaSiphelele

USiphelele Ngcobo ominyaka ingamashumi amabini anesine ubudala, uphumile kuluhlu lokhuphiswano lwee-Idols SA ngeCawa phambi kokufikelela kwiTop 3.

Ziindaba ezimbi kakhulu ezi kuye, kodwa zintle kwelinye icala kuba uzixhamlele uhambo olusingise kwelaseLondon kwiveki ephelileyo nokunye okuninzi.

UNgcobo ushiya uMmatema, uRhema kunye no-Karabo Mogane kolu khuphiswano.

Le nzalelwane yephondo laKwaZulu-Natal, yakhuthazwa ukungena kwii-Idols SA ngabantu abafana no-Khaya Mthethwa kunye no-L’loyd Cele.

Eli gatyana latsala iijaji ngenguqulelo yengoma kaZahara ethi ‘Loliwe.’

KwiTop 10 yolu khuphiswano, uNgcobo ucule iingoma zoMzantsi Afrika zodwa, nalapho wacula ingoma kaLira ethi Soul In Mind .

Waphinda wabuya nengoma kaThandiswa Mazwai ethi Nizalwa Ngobani kwiTop 9 .

Kodwa wakhe wacula ingoma kaLionel Richie eyabuya newonga lee-Oscars ngonyaka ka-1985 ethi Say You, Say Me, kodwa uSomizi Mhlongo wamxelela ukuba “No more English.”

Wathi uNgcobo asakubuya nengoma kaMpumi ethi Somandla kwiTop 7, uGareth Cliff wakubona oko nje- ngokumfanelayo.

UNgcobo ucule iingoma ezifana no-Nomvula kaNathi nengoma ye-All 4 One ethi I Can Love You Like That nalapho wafumana ukutyibelwa ngezincomo ngabagwebi.

KwiTop 5, uNgcobo wakhetha uSo High kaJohn Legend kunye nengoma ye The Soli ethi Inkomo, kodwa wafumana isilumkiso kuRandall Abrahams ukuba “abantu abavoteli iingoma ezikhethiweyo kuphela, kodwa bakhetha nomntu.”

Uphinde watyibelwa ngabagwebi ngexa ecule uFeel Good kaLira no-Kuma naKum kaRingo kwiTop 4 yokhuphiswano lwee-Idols.