Navas: Ingagqugqisa ehlabathini iS.A.

UKeylor Navas, ingqwele kwiReal Madrid, uthi iSouth Africa inawo umdla wokuba lelinye lamazwe abalaseleyo kwibhola ekhatywayo ehlabathini jikelele.

UNavas uncome iqela loMzantsi Afrika emva kokuba amakhwenkwe kaShakes ebethe iRosta Rica ngo’1-0 kumdlalo wobuhlobo ekupheleni kweveki ephelileyo. Le ndedeba ingukapteni welizwe laseCosta Roca ithi xa ijonga indlela iSouth Africa edlala ngayo, iyayothusa into yokuba ayililo elinye lamazwe abalaseleyo ebholeni.

“Ndisathe nqa kutheni bengekho phakathi kwamazwe aphambili kwibhola yehlabathi,’’ utsho uNavas. “Ukuba badlala umdlalo uphucuke ngolu hlobo rhoqo xa bedlala ngokuqinisekileyo kufanele babe phakathi kwamazwe amakhulu.

Badlala kakuhle kakhulu, banesantya esingumangaliso, kwaye nendlela abanikelana ngayo ibhola isemgangathweni ngoba bayakwazi nokuyigcina. Indlela abadlala ngayo yahlukile kumazwe ase-Europe nakulawo asemindini okanye kumazantsi eMelika.

Kumnandi ukubabukela kwaye indlela abadlala ngayo inomtsalane. Ukudlala namaqela amakhulu kungabanceda ukuze baqhelane nokudlala nawo.

Andibenzeleleli konke, koko ndiyancoma njengelizwe elidlala ibhola entle nenomtsalane,’’utshilo uNavas Ilizwe laseCosta Rica liyakhula kumdlalo webhola yehlabathi, kangangokuba bakwindawo yamashumi amane anesibini kumanqwanqwa eFIFA.

Bebekwayiyo inxalenye yendebe yehlabathi ebisingethwe yiBrazil kunyaka ophelileyo nezinye ezingaphambili. UMzantsi Afrika ulungiselela ukusonga utyelelo lawo kumbindi weMelika ngomdlalo wobuhlobo neHonduras ngomso.

Emva koko baza kuyibopha ibemincinci imithwalo yabo bajongise imibombo ekhaya apho kufuneka balungiselele umdlalo ongempelaveki nelizwe lasebumelwaneni, i-Angola.

Impumelelo yeBafana Bafana kumdlalo olandelayo iya- kubanika amandla kwimidlalo ezayo yokuzibekela indawo kwiitumente zeCaf ezizayo.