UShakes ufun’ apha iHonduras, ngoku!

Unyathelela phezulu umqeqeshi weBafana Bafana ngenxa yokuzithemba emva kokuba iqela lakhe lifumene impumelelo kumdlalo wokuqala kutyelelo olukumbindi weMelika.

Ilizwe loMzantsi Afrika libethe iCosta Rica ngo’1-0 kumdlalo wobuhlobo obubanjelwe eSan Jose National Stadium ngoLwesihlanu odlulileyo.

Lo ngomnye yaloo midlalo apho iqela leli lithe lazibonakalisa kuyo. Lidlale umdlalo omhle, abadlali bezimisele bonke kwaye besebenzisana – kodwa ngaphezulu koko, kubonakele ukuba iqela lingene emdlalweni linendlela ecacileyo eliza kudlala ngayo neCosta Rica.

Abadlali basemva bekhokelwa ngu-Eric Mathoho benza umsebenzi oncomekayo, nasesiswini uJali esebenzisana noZungu basebenza ngokuzimisela okukhulu. Igowuli lempumelelo leBafana Bafana, leza nomdlali siswini * -Andile Jali ngomzuzu wethoba kwisigaba sokuqala xeshikweni bedlala neli qela lithe ngcu kwindawo yamashumi amathathu ananye kumanqwanqwa eFIFA.

Kanti iBafana Bafana iyibetha ityeli lesibini iCosta Rica. Ngo-2003, iqela likaShakes laphumelela ngo’2-1 kumdlalo owawuphakathi kwala mazwe mabini. Umqeqeshi, uShakes Mashaba uthi indlela abadlale ngayo kulo mdlalo ibonisa mhlophe ukuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika lingamelana namazwe angoompondo zihlanjiwe ebholeni jikelele.

Ephawula ngendlela elenze ngayo iqela lakhe, uShakes Mashaba uthe: “Amakhwenkwe abonisile ukuba angamelana namakhwenkwe amakhulu. Sidlale kakuhle kakhulu kwisigaba sokuqala,” “Udonga lwethu phaya ngasemva belomelele kwaye nasesiswini abadlali badlale kakhulu. Endingakuthetha ngonozinti * -Itumeleng Khune, kukuba wenze ngaphaya kobe sikulindele nangona ebenengxaki yokwanzakala.

Ngoku sifuna iHonduras sizokwazi ukusonga umsebenzi omhle esiwuqalileyo. Kuhle ukuyiqhela into yokuphumelela phambi komdlalo wethu ne-Angola. Ngoku iBafana Bafana iza kutyelela iHonduras eSan Pedro Sula ngomso uLwesibini.