Afumene izikipa amaqela ebhola eSakhisizwe

Iyaqhuba inkqubo yokulwa ubundlobongela kusetyenziswa imidlalo kumasipala wasekuhlaleni iSakhisizwe.

Le nkqubo iqhutywa yi-ofisi kamphathiswa wezothutho nokhuseleko eMpuma Kapa, uWeziwe Tikana. Umphathiswa ukwalilungu elijongene ngqo nalo masipala esebenzisa ipalamente zasekuhlaleni ze-ANC eCala naseElliot. Kwiveki ephelileyo le ofisi ithe yaphisa ngezikipha zebhola ekhatywayo nezomnyazi kumaqela amathathu eCala.

Kunikwe nesikolo iCala High School, iSifonondile S.S.S neqela elidlala kwiSAB League eCala, iXhalanga Blues. Ethetha egameni likaMphathiswa, uSikelela Bavuma, uthe lenkqubo bayiqale kunyaka ophelileyo. Uqhube wathi sele ziliqela izikolo namaqela asekuhlaleni abewaphe izikipha kulo masipala.

UBavuma uthi injongo yabo kukuncedisana ekuphuculeni izinga le midlalo. Ukwathe bazama ukukhupha ulutsha kwizinto ezingakhiyo njengeziyobisi, utywala kunye nobusela.Utyatyadule wathi abakhethi zikolo zodwa bancedisa namaqela azimiseleyo emidlalweni.

Uvale ngokuthi abaphelelanga apha kukho iitumente abaceba ukuzenza apha enyakeni ukuze ulutsha luhlale lunento yokwenza. Umqeqeshi, uBulelani Madikwa, uthe, “Sibulela kakhulu kumphathiswa kuba abanye abantwana abaphiwanga ezincwadini kodwa banazo izakhono ebaleni. Uphinde wathi oku kuzakunika ithemba kwabo bazibona bengabadlali bebhola ebomini babo”.

Utitshalakazi wesikolo iSifonondile S.S.S, uThabisa Mendele, uthe nabo bachulumancile zizipho kuba bezizidala izikipa zabo. Le ndedeba ikwathe inkulu indima ezakudlalwa zezi zipho ebomini babafundi besisikolo.

Obemele iXhalanga Blues, uThamsanqa Phamla, uthe yinkuthazo enkulu kubo le.