Basachopha endle

abafundi baseMnxe

Sele kulithuba elingaphaya konyaka benganazindlu zangasese abafundi besikolo samabanga aphantsi iMnxe JSS eCala.

Emva kokuba kudilike ezo babefudula bezisebenzisa kunyaka ophelileyo. Kwaye ezi zidilikileyo zazakhiwe ngonyaka ka-1986. Oko zadilikayo abanye abafundi baya endle, bambi basebenzise eziya zindala zingenazindonga namaphahla.Kubekho nabasebenzisa amagumbi amabini kulawo wootitshala.

Ngokwengxelo yenqununu uZimoshile Phonoshe, akukabikho tshintsho kwimo yangaphambili nangona babethenjisiwe.

Kwaye ngokuya iqhubeka lento, amathuba okuba abafundi bafumane izifo aye esanda. Ephendula kweliphephandaba, ongumlawuli kwiPalamente yasekuhlaleni yombutho we-ANC eCala uSikelela Bavuma uthe, lo msebenzi ungaqaliswa nangowuphi na umzuzu.

Uthe lo msebenzi ubungazukwenziwa yi-ofisi yesebe lezothutho nokhuseleko kaMphathiswa uWeziwe Tikana, nanjengoko wayethembisile kutyelelo lwakhe kulengingqi ekuqaleni kwalonyaka.

Ngoko elisebe lacela inkampani yabucala emane isetyenziswa lelisebe ukuba lifake inkxaso kulo msebenzi. Ngoko inkampani le ithi xa sele ibhatelwe kumsebenzi ibiwenza izakuqalisa.

Uqhube wathi le nkampani nayo ayizukuzakha koko izakunikezela ngezixhobo zokwakha. UBavuma uthi xa sele zithengiwe izixhobo yena nenqununu uPhonoshe bazakucela abasebenzi be-Community Work Programme babakhele. Kodwa uvakalise ukuba inkampani le ithembise ukuba kungaqhuma uthuli kulenyanga.

Uvale ngokutsho ukuba nabo ayibonwabisanga le meko yesisikolo bafuna ilungiswe msinya. Uluntu kuquka nabazali babantwana abafunda kwesisikolo bathi oku kukunyhashwa kwamalungelo abantwana basemaphandleni.