Kutyholwa isiporho ngokubhubha kukaMagwinya

Ufunyenwe ngosuku lesixhenxe ebhubhulile elele ngecala emanzini aseKwarini eLinge ngakuKomani uMzukisi Dani (47) owaziwa ngokuba nguMagwinya ominyaka ingamashumi amahlanu ubudala, emva kokuduka kwakhe ngoMgqibelo umhla weshumi elinesibhozo kule nyanga.

Umfi lo, okwaziwa ngegama elinguDigress, kuvakala ukuba uboniwe kusasa enyuka ngesitalato sakwaNtakazilali eTinarha apho angumhlali khona emva koko khange aphinde abonakale. Uluntu lusola isiporho esibizwa ngokuba nguMlungu ngesi senzo lusithi kukho isiporho esihlelele ukulahla abantu kule ngingqi yaseTinarha kunjalonje kukho nomama ebesanda kulahlwa.

“Umalume ndimgqibele ngomhla weshumi elinesithandathu engumntu ozakuya eKomani, ngoMgqibelo nditsalele umxeba kuKomani kwathiwa akakhange afike kwa ukufika xa ndibuza kubamelwane bathi bambonile enyuka ngesitalato enxibe into ethile nethile kodwa ndithe ndakungamboni mna ngomvulo laqala ixhala kodwa yala ingqondo ngelithi unokuba uvuke wahamba ngomngqibelo ukuya eKomani njengoko kukho abambonileyo, ngolwesine umhla wamashumi mabini anesine ndiphindile ndatsala umnxeba kwathiwa khange afike kwanyanzeleka ukuba kusasa ngolwesihlanu masiyokuxelela eMapoliseni,” utshilo umtshana kaMfi uSibongiseni Dani.

“Umalume wam ungumntu okhathazwa sisifuba akanokubanawo amandla okukhwela entabeni ndisola ukuba kukho umntu omrhuqele phaya,” utshilo uSibongiseni.

Oziboneleyo uLulama Ngetu uthe: “Besihamba nabahlobo bam ababini siyokukha uthuthu lwetayari sithe sakufika entabeni sanqwenela ukuyakukroba eKwarini kulapho ndiye ndabona isilamba ndaphosa iso emanzini ndabona uDigress elele ngecala kucaca ukuba uswelekile ndixelele amajita nangona ebendihleka ecinga ukuba ndiyadlala kuba ndingumntu othanda ukudlala, sibalekile ke sayokuxelela abantu saya nasemapoliseni.”

Eyona ithusa abantu yeyokuba kuMagwinya akubonakali manxeba okanye kruthakruthwano ngaphandle kwegazi empumlweni, yiyo le nto uninzi loluntu lutyhola isiporho uMlungu kodwa naxa kunjalo uluntu lunethemba lokuba ingxelo yamapolisa iyakunceda ukutyhila amehlo ngendlela uMagwinya athe wasweleka ngayo.

Isithethi samapolisa ala mmandla uWarrant Officer Namhla Mdleleni uthi bavule iqwaku-qwaku lophando malunga noku.