Amakomanisi abhiyozela i-94 yeminyaka

Umbutho wamakomanisi i-SACP uza kube ubambe imibhiyozo yawo yokugqiba iminyaka engamashumi alithoba anesine wasekwayo.

Le mibhiyozo iza kube ibhiyozelwa kweli phondo leMpuma Koloni kulo unyaka eRaymond Mhlaba eMotherwell, eBhayi, kule cawa sijonge kuyo umhla wesibini kwinyanga ka-Agasti. Iza kube iqala ngentsimbi yeshumi.

Abalindelekileyo ngunonbhala walo mbutho, uBlade Nzimande, noza kube esenza intetho yosuku, obambeleyo njengonobhala kwi-COSATU, uBheki Ntshalintshali, kwakunye noMlileki Dlelanga.

Kule mibhiyozo kuza kube kubhiyozelwa ukuqina kwalo mbutho nongakhange uqhekeke iminyaka engaka.