Ofuna ukwazi ngesifo iHepatitis

Namhlanje ihlabathi jikelele libhiyozela iHepatitis Day. Oku kweziwa emva kokuba umbutho ojongene nempilo kwihlabathi iWorld Health Organization ngomnyaka ka-2010 wathi wenza isibhengezo sokuba umhla wamashumi amabini anesibhozo mawubekelwe bucala ukubhiyozela iHepatis ,isifo sokukrala kwesibindi (liver inflammation), esingabangelwa ziziyobisi, usetyenziso lotywala okanye nayiphi na imeko yempilo.

Kodwa amaxa amaninzi sibangelwa yintsholongwane. Le ntsholongwane yaziwa njengeviral hepatitis, kwaye ezona ndidi zayo zivamileyo yiHepatitis A, B kunye no-C. Kwihlabathi jikelelele, baqikelelwa kumakhulu amane ezigidi abantu abaphila neHepatitis B okanye C.

Minyaka le sisigidi esinamakhulu amane sabantu abathi basweleke yiviral hepatitis, noko kunjalo uwonke lo bhubhane angathintelwa. Ngolwazi oluthe vetshe nangokuqonda okungcono ukuba ingathinteleka njani na iHepatitis, ihlabathi lingasikhucula esi sifo lisindise amawaka amane abantu ngemini.

Kungoku nje zizigidi zabantu kwihlabathi jikelele abathi bathabathe inxaxheba kwiWorld Hepatitis Day, ukuhlaba ikhwelo ngeviral hepatitis, kanjalo bememelela ukufikeleleka konyango, iinkqubo zothintelo ezingcono kunye nenyathelo likarhulumente. Amabal’engwe ngoonobangela, iimpawu, ukuhlatywa komhlola (diagnosis) kunye nonyango lweHepatitis.

Njengoko kuthiwe vandla ekuqaleni komhlathi, unobangela weHepatitis yiviral hepatitis, ze abanye oonobangela abangadibaniyo neviral hepatitis baquke iziyobisi, usetyenziso lotywala, isibindi esiteketeke ngamanqathe okanye nayiphi na imeko yempilo. Kodwa manqapha-nqapha ibangelwa lulwasuleleko lwebhakteriya.

Ukwangeza, iimeko ezithile ezidulayo zokukhulelwa kunye nokwehla kohanjiso lwegazi eliya esibindini zingayibangela iHepatitis. Iimpawu zeHepatitis ziquka ukudinwa okanye ubuthathaka, ijaundice (ubutyheli bamehlo kunye nesikhumba), umkhuhlane, isicaphucaphu kunye nokugabha, umchamo omdaka, kunye neentlungu phantsi kweembambo zasekunene.

Nakuba kunjalo isiqingatha sabantu abanesi sifo abanazimpawu konke konke. Ukuhlatywa komhlola kwesi sifo kwenziwa ngokuhlola iimpawu zesigulane, uhlolo lwasemzimbeni kunye nembali yempilo yaso, ngokuhambisana novavanyo lwegazi. Ngokubhekisele kunyango lwesi sifo, amachiza okuthintela iHepatitis A kunye no-B ayafumaneka.

Ukulwa neHepatitis A kuyimpumelelo kwiipesenti ezingashumi alithoba anethoba ukuya ekhulwini (99-100%) zabantu abazuza ichiza elithatyathwa kabini ngemini. Ichiza leHepatisi A alivumelekanga ukuba lizuzwe ngabantwana abangaphantsi konyaka ubudala.

Ukanti unyango lokuthintela iHepatitis B oko lafumaneka ukusukela ngowe-1986, laye lifakwe kwiinkqubo zokomeleza amajoni omzimba zikazwelonke ezilikhulu elinamashumi asixhenxe anesixhenxe (177) ubuncinane ngokujoliswe ebantwaneni.

Ugonyo olwenziwe kwiiyure ezingamashumi amabini anesine zozalo lungathintela ulwasuleleko lomntwana kumzali owasulelekileyo. Ukanti abantu abadala abangaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala amajoni abo omzimba akasenamandla kuyaphi nakuba bezuza unyango.

IWorld Health Organization ikhuthaza ugonyo lwabo bonke abantwana, ngokukodwa iintsana ezibomvu kumazwe apho iHepatitis B ivame khona ukuthintela ulwasuleleko lomtwana kumzali. Ihlabathi limanyene lingayinqanda ngokukuko iHepatitis, inqunyulwe iimpondo, ukuze kungasweleki namnye umntu. Mabasukume ke ngoko abantu benze isankxwe ngalo bhubhane ugeca inzala ka-Adam!

Uzikhusela njani kwi-Hepatitis?

Nazi izinto esinokuzenza ukuzama ukuzithintela kwiintlobo ngeentlobo zesisifo.

Uzikhusela njani kwi-Hepatisis A?

Hlamba izandla zakho ngesepha emva kokuya kwindlu yangasese. Yitya ukutya okusandul’ukuphekwa Sela amanzi athengiswayo asebhotileni, okanye abilisiweyo ingakumbi xa ungaqinisekanga ngococeko lwaloo ndawo.

Yitya iziqhamo onokuzichuba, ingakumbi xa ukwindawo ongaqinisekanga ngococeko Yitya imifuno ekrwada xa icocisisiwe/ okanye ixilongwe kakuhle. Fumana ichiza le-Hepatitis A, ingakumbi xa utyelela iindawo ezisemngciphekweni we-Hepatitis.

Uzikhusela njani kwi-Hepatitis B?

Xelela umlingane wakho ukuba unayo okanye uzame ukufumanisa ukuba yena unayo na. Zikhusele kwezesondo Sebenzisa iinaliti ezingasetyenziswanga nangubani na Ungabelani nge-toothbrush, iirazor okanye izinto zokucheba iinzipho Sebenzisa izinto ezicocisiweyo esikhumbeni sakho (umzekelo xa usenza itattoo ) Uzikhusela njani kwi-Hepatitis C?

Ukuba uchaphazelekile ungabelani nge-tootbrush, irazor okanye nasiphi na isixhobo seenzipho Ukuba wosulelekile, yogquma izilonda Ungabelani ngeenaliti Ukuba isikhumba sakho sizakugqojozwa, qinisekisa ukuba isixhobo esizakusebenza sicocekile Yiya kancinane etywaleni.

Ukuzikhusela kwi-Hepatitis D?

Sebenzisa la miqathango ye-Hepatitis B. Umntu osuleleke yi-Hepatitis B kulula ukosuleleka yi-Hepatitis B. Ukuzikhusela kwi-Hepatitis E?

Yenza oku ukwenza ekuzikhuseleni kusuleleko luka-Hepatitis A