UMashaba

akayoyiki i-Angola

Umqeqeshi weqela lesizwe iBafana Bafana, uShakes Mashaba, uzakuqala umsebenzi onzima kakhulu, ngowona ubalulekileyo kumqashi wakhe nakwilizwe ngokubanzi , lo wokudlala kwitumente yehlabathi. Okoko wamkwelwa ngo-1992 uMzantsi Afrika kwimidlalo yehlabathi, ilizwe loMzantsi Afrika lidlale kwitumente yeFIFA izihlandlo ezithathu.

Umsebenzi wokuzibekela indawo kwiFIFA World Cup ngumba ophambili kwiSAFA kwaye lo nto yenye yezinto uShakes ekufuneka ezenzile ngakumbi emva kokuba abantu beli bebukele iFIFA World Cup eBrazil kunyaka ophelileyo ngaphandle kwelizwe labo.

Kodwa nangona kunjalo, uShakes Mashaba, uthi akoyiki ngokoyikiswa kwaye uzakuqokelela iqela elomeleleyo. ABafana Bafana bathelekiswe nelizwe lalapha ebumelwaneni, i-Angola, kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-2018 World Cup ezakusingathwa yiRussia.

“Ndonwabile kakhulu ngamazwe esizokuqubisana nawo. Andiqondi ukuba ikhona into endinokuyifuna ngaphezulu kwale siyifumeneyo apha namhlanje”utshilo uMashaba.

“Sidlalile ne-Angola amatyeli aliqela, nangona kwabakho ukubambana phaya naphaya kodwa sithi abathe kratya kunabo kwicala leziphumo. Ndiqiniseke ngento enye, eyokuba sizakuzilungiselela ngokupheleleyo phambi kwalo mdlalo kodwa asingekhe siyithathele phantsi tu i-Angola” wongeze ngalo mazwi uMashaba

Umdlalo wokuqala phakathi kwala mazwe mabini uzakuba kwisithuba seenyanga ezimbini ezizayo e-Angola, emva kweeveki ezimbini , kuzakudlalelwa umlenze wesibini kweli loMzantsi Afrika.

Amazwe aphume phambili kumjikelo wesibini kuzakukhethwa kuwo amazwe amahlanu azakuthi amele ilizwekazi le-Afrika kwi-2018 FIFA World Cup.

Le yimidlalo ekufuneka uShakes Mashaba ayiphathe ngobunono kwaye aqinisekise ukuba aBafana Bafana bayaya eRussia ngapha koko angabonwa njengomnye wabaqeqeshi abangenzanga mahluko kweli qela emva kokuba litshintshe abaqeqeshi amatyeli aliqela ukusukela ngo’2010.