Amapolisa

alumkisa amakrwala

Amapolisa aseGcuwa ebambisene nesebe lezemfundo kula ngingqi akwiphulo apho atyityimbisela umnwe amakrwala esithi makahlukane neziqhu zeembumba ezikhokelela kwimilo.

Eli phulo lijolise kwizikolo zamabanga aphakamileyo ala mmandla. Esona sikolo kuvakala ukuba siyakwenza oku, yiNdabankulu SSS ekuNdabakazi eGcuwa. Iingxelo eziphuma kothethela amapolisa ala mmandla uKhapteni Jackson Manatha uthe: “Kukho le nto ithe gqolo yenziwa ngamakrwala ebizwa ngokuba kukudodisana ingakumbi kwizikolo zamabanga aphezulu apho amakrwala esele emadala adodisa lawo matsha.

Ufumanisa ukuba utywala yiyona nto iphambili kulo mdodiswano, bafunwa iibhotile zotywala zodidi ngelibamkela ebudodeni.”

Lo kaManatha uthi, abo barhaneleka ngokuyokolukela esibhedlele bangabanye bamaxhoba kulo mdodiso nanjengoko esithi bababona njengabo bangengomadoda okwenyani.

UManatha uthi enye yezinto ezibasusileyo, sele zikhona iziganeko esele zehlile kwidolophu yaseGcuwa apho amakrwala abulalanayo ngenxa yokudodisana. Ngo-2010, kwabulawa ikrwala eGcuwa lihlatywa ilanga lihlabe umhlaba ngethuba amakrwala edodisana.