Inkxaso kusapho lobhubhileyo

Lungungelane phambi kweenkundla zamatyala aseNgqeleni izolo ulutsha lombutho we-ANC ephondweni ngeliya kunika inkxaso kusapho luka-Amahle Mhlekude obhubhe ngethuba engumkhwetha kutshanje ngenxa yokuxhatshazwa likhankatha lakhe.

La malungu alo mbutho ebeyokunika inkxaso kumalungu osapho nezihlobo, kwaneentsapho zonke zamaxhoba aye axhaphazeka esuthwini. Bathathu abarhanelwa abavele enkundleni izolo ngezityholo zokubetha nokuphatha gadalala uMhlekude, obhubhe kwiivekana ezimbalwa ezidlulileyo.

U-Ayongezwa Lungisa, othethela olu lutsha ephondweni uthi, bengabantu abatsha bayafumanisa ukuba bayaxhaphazeka esuthwini abantwana logama bekufanele ukuba baphatheka kakuhle kwaye bayabafundiswa ngezinto ezakhayo, hayi ukubaxhaphaza. “Sifuna ukuba usapho lukaMhlekude kunye nabanye abantwana abangamaxhoba okuxhatshazwa bayazi ukuba ababodwa, lo mbutho wolutsha unabo. Sihlab’ikhwelo kwiinkundla ukuba zibe ngqongqo kwaye zingaziniki iibheyile ezi zaphuli-mthetho zizibiza iingcibi,” utshilo uLungisa.

Eli tyala limiselwe umhla wama-30 kuJulayi kuba kusithwa aba barhanelwa bathathu baza kufaka isicelo sebheyile.