Amapolisa

anikeze uncedo

Nanjengoko amapolisa esaziwa njengabantu abagcina ucwangco kwiindawo esihlala kuzo aze aphinde avalele abo bophula umthetho, kweli tyeli enze okohlukileyo enceda abantu abangathathi-ntweni.

La mapolisa aseMnyameni (Alexandria) ebekwicawa yaseTopiya kutshanje apho ebedibene noluntu lwale ndawo ukuzonikela ngezipho kumakhaya aludinga kakhulu uncedo kunamanye.

Uluntu belugcwalise le cawa nalapho luqale lafundiswa ngendlela yokuziphatha, abancinane nabadala. Esi senzo samapolisa besibonakalisa ukuthatha kwawo inxaxheba kwiphulo lokusebenzisa imizuzu ezingamashumi amathandathu anesixhenxe (67) ukunceda kwiindawo ezidinga uncedo.

UConstable Andiswa Mogorosi uthi bengamapolisa bacele uncedo kwiivenkile zalapha eMnyameni ukunceda iintsapho,nalapho bathe bafumana ukuxhaswa kakhulu. “Sisebenzisene kakuhle kakhulu neevenkile zale ndawo,” utshilo uMogorosi.

Iintsapho ezithe zafumana zingamashumi amathathu (30) nalapho usapho ngalunye luthe lwafumana ukutya. Lo kaMogorosi ukwacele ezi ntsapho ukuba zibulele lo nto ziyifumanayo kwaye umntu angajongi izinto zomntu osecaleni kwakhe,kuba iingxaki abantu abajongana nazo kumakhayo azifani.

Ukwabulele zonke iivenkile ezithathe inxaxheba ekuncedweni kwezi ntsapho,nanjengoko zincede ngokutya, iibhedi, izihlangu zesikolo kunye neekawusi. Uqhube wathi izihlangu kunye neekawusi bazakuzisa kwizikolo eziikwifama zale ndawo (Alexandria).

UNosikhumbuzo Mtati nohlala eZinyoka khona apha eMnyameni uthe uvuye kakhulu ukufumana oku kutya kuba kuzakumnceda yena nosapho lwakhe. “Mninzi umntu obenokufumana oku kutya ndibulela ukuba ngomnye wabo,” utshilo uMtati.

UNombuyiselo Ndibase obethethela zonke iintsapho ezithe zafumana uthe bayabulela kakhulu ngento abayenzelwe ngamapolisa ale ndawo. “Izinto ezinje kunqabile ukuba zenzeke siyabulela kakhulu kumapolisa athabathe inxaxheba koku,” utshilo.