Amatsatsantsa afuna uKhumalo

Kubonakala ngathi umdlali odlala emva uBongani Khumalo angabuyela kwi-Absa Premier Soccer League ukuba izinto zihamba ngokuthanda kweSuperSport United.

Abaqeqeshi beli qela bakwiphulo lokuqinisa iqela labo phambi kokuqala isizini entsha.

Lo mdlali wayedlalela aBafana Bafana akanalo iqela lakhe emva kokuba wathi wakhululwa yiTottenham Hotspur, iqela lakhe awayelidlalela kwilizwe laseNgilane.

Iingxelo zithi iSuperSport United incwase ukumtyikitya lo mdlali ukuba iinzame zakhe zokufumana iqela kumazwe aphesheya kolwandle ziphanzile. Lo mdlali uziqeqesha neli qela likaGordon Igesund okwangoku asazingela amadlelo aluhlaza.

Lo mdlali (28), uchithe iminyaka emininzi kumaqela asemaNgesini afana neColchester United neDoncaster Rover apho ebehleli ngemboleko.

Ekuzeni kuphela kwesivumelwano sakhe sengqesho bekhukho amarhe ebemoyamanisa neMamelodi Sundowns – kodwa akubonakali ngathi ingamthatha nangona inesikhewu esishiywe ngu-Alje Schut.