USimbine uyagqwesa kwi100m

Imbaleki yeli neziqeqesha phantsi kweYunivesithi yase -Pitoli, * -Akani Simbine ephumelela ngemizuzwana engu-9.99 kwi-European Athletics Classics ngokuhlwa ngoLwesithathu.

Le mpumelelo yakhe imenze ukuba abe yinxalenye yezinye iimbaleki ezikwazileyo ukuba zoyise lo mnqantsa wemizuzwana elishumi kwiimitha ezilikhulu.

USimbine ebephezulu kubusuku obuhambe kakuhle ngakwiqela lalapha ekhaya, kuba noHenricho Bruintjies ugqibe emva kwakhe njengokuba enze imizuzwana eyi-10.15.

UHyman Kemar osuka kwiCayman Islands uphume isithathu ngemizuzwana yakhe engu-10.28. Ukuba iinkcukaca manani eziku Wikipedia zinyanisile uSimbine uyimbaleki yekhulu elinesithathu ukuba agqibe iimitha ezilikhulu kwimizuzwana engamaphantsi kwelishumi.

Ngomhla weshumi elinesine ku-Oktobha ngo-1968, uJim Hines waseMelika, waphumelela iimitha ezilikhulu kwimizuzwana eyi-9.95 ukuze abe yimbaleki yokuqala ukwazi ukubetha umnqantsa wemizuzwana elishumi.

Imbaleki yokuqala yeli loMzantsi Afrika ukuba yehlule le mizuzwana nguSimon Magakwe. Yena waphumelela kwixesha elingange-9.98 yemizuzwana, kwiSouth African Championships ePitoli kulo nyaka uphelileyo.

Phambi kokuba uSimbine antingele phesheya, uthe eyona njongo yakhe kule sizini kukuba aphumelele ngaphantsi kwemizuzwana elishumi.

“Kodwa ke ukuqala kwam ukhuphiswano ndiye ndana- ngcinga zimbi ndaqonda ukuba mandigxile kwindlela endibaleka ngayo bhetele,”utshilo uSimbine. Ukuba ndenze le nto yokwaphula eli rekhodi yona iza kuzenzekela. “Kum ukuba yimbaleki ebalaseleyo kuxhomekeke ekwenzeni into enye.

Lo nto ithetha ukuba andisaleqi xesha lifutshane ngoku, kodwa ndiqaphele into yokuba ndizinika ingqalelo izinto ezincinci,”wangeze watsho.