Intlungu yokunqunqelwa umntwana

UNobomi Dudumashe nongumama kaZandile Dudumashe owanqunqwa umzimba eCala , uZandile owayeneminyaka engamashumi amabini anesithathu ngummi waseMalawi, izolo uphalaze intlungu yakhe okokuqala kwiphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa emva kokumiswa kweli tyala ityeli lesine. UDudumashe ebethetha phambi kwenkundla kamantyi yaseCala apho bekuvele uRendy Ussen ongummi waseMalawi otyholwa ngokubulala ze anqunqe umzima kaZandile ngo-Epreli. Umzimba kaZandile wafunyanwa unqunyulwe umlenze. UDudumashe nobegixa iinyembezi uthe: “Ndingumama kaZandile obethandana noRendy. Lo mntwana wayezakwenzelwa umsebenzi wokuqatywa ezilalini eManzimdaka eCala, kwafowuna lo Rendy ngaphambi nje kweentsuku ezimbalwa zalo msebenzi wathi kuZandile makaye kuye e-Extension 15, kusuku olulandelayo wathi gqi uRendy ephethe imfonomfono ka Zandile yodwa, ndambuza ukuba uphi umntwana wam, wathi yena uye kwamanye amadoda, ndaxakwa kuba nguye othandana no Zandile kuphela, salinda ngaphaya kweentsuku ezintathu singamboni uZandile ndade ndaxelela noyise wathi masilinde mhlawumbi umnke neetshomi zakhe, mna ndothuke emva kweveki kusithiwa mandiyofanisa umzimba, ndawubona umlenze ukuba ngokaZandile, nezandla ndazibona kodwa ubuso bona babukhutshwe amehlo, ndakhala esofelweyo landitshonela emini ilanga.” Umama kamfi uxelele I’solezwe uba akahlelanga ndawo ngumntwana kaZandile oneminyaka emithandathu uyabuza ukuba uphi umama wakhe uzode abuye nini?. “Bazamile oonontlalontle ukundixhasa kodwa akukho lula kuba eyonanto ibihlungu zange sibabone abazali balo Rendy besiza kuthi bezocela uxolo, kwaye nalo Rendy akafuni ukuthetha inyani ukuba umbulelelentoni uZandile embulala nabani kuba wayengekho yedwa kule nto”. Ityala likammangalelwa limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaJulayi kulo nyaka, imantyi echophele eli tyala ithe alinakukwazi ukuqhubeka kuba kusalindelwe iziphumo ze-DNA.