Umetyiso wengxelo yaseMarikana

ICEKWA likumaqela achaphazelekayo kwiziphumo zekomishini yaseMarikana ezipapashwe ngumongameli weli uJacob Zuma.

Isengundaba-mlonyeni ingxelo yale komishimi ebichotshelwe yijaji edla umhlalaphantsi * -Ian Farlam iphanda ngesizeka bani sokubhubha kwabantu abangamashumi amane anesine. Amashumi amathathu anesine adutyulwa abulawa ngamapolisa ngomhla weshumi elinesithandathu ku-Agasti wonyaka ka-2012.

Amapolisa angenelela emva kokuba sekusweleke abantu abalishumi nekukho kubo amapolisa amabini, kwanoonogada ababini bomgodi wemveliso yeplatinam iLonmin. Kwakukulo mgodi apho amalungu emanyano yabasebenzi i-AMCU bethathe isigqibo sokugwayimba befuna ukuhlawulwa imivuzo efikelela kwishumi elinesibini lamawaka elinamakhulu amahlanu eerandi.

Imanyano yabasebenzi mgodini i-National Union of Mineworkers zange izibandakanye nolu qhankqalazo nto leyo eyakhokelela ekubulaweni kwamalungu ayo awayephangela ngeli xesha uninzi lubambe uqhankqalazo.

Yaba lelo dushe elakhokelela kukungenelela kwamapolisa ngelizama ukulamla suke kwenzeka isehlo somhla weshumi elinesithandathu nesakhokelela kumongameli weli uJacob Zuma ukuba atyumbe ikomishini iphande ngesizekabani kananjalo inike ingxelo neengcebiso ekufanelwe ukuba zilandelwe ukunqanda ishwangusha elifana neli.

Le komishini yayinikeza kumongameli Zuma ingxelo yayo ekupheleni kweyoKwindla kulo nyaka. UZuma ude wayikhupha le ngxelo ngoLwesine weveki ephelileyo.

Ingxelo yale komishini iyishiya ezandleni zabaqeshi iLonmin kwakunye neemanyano zabasebenzi ezichaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba apho zithe zasilela khona ziza kulungisa ukuqinisekisa ukuba okwenzeka phambi kolo gwayimbo akuphindi kwenzekwe. Le ngxelo igxeke inkampani iLonmin ngokungenzi konke ekusemandleni ayo, izibandakanye neengxoxo ukuze ithintele impalalo gazi. Ezinye zezisolo kule nkampani ziquka ukukhweba abasebenzi ukuba babuyele enkomeni ngomhla weshumi elinesibini ku-Agasti ka-2012ngexesha isimo sasise simaxongo.

Ikomishini kaFarlam ithi, uLonmin zange enze lukhuseleko lungqingqwa ngakoonogada, oluquka izithuthi ezinokumelana nokuhlaselwa kuba yayithume oonogada kwindawo enodushe.

Le nkampani ifunyaniswe inobugwenxa bokungalifezekisi idinga lokwakhela abasebenzi izindlu ezindilisekileyo. Noxa kunjalo iKomishini kaFarlam ithe yanelisekile kokwenziwa yile nkampani ekuhlangabezaneni nezi ngxaki. Lekomishini ivumile okukouba uLonmin wayesele eqhube uphando lwangaphakathi emva kwesi sehlo. Iziphumo zolophando ziquka ukusilela kobuntlola ngesimo selogwayimbo. Ukusilela kwabalawuli bale nkampani kwimiba engokhuseleko lwabasebenzi. Ukungabi nazicwangciso zokumelana nemeko efana naleyo, kwanezinye izigcwangciso ngokhuseleko lwabasebenzi kwanabo bahambisa iinkonzo kulo mgodi. Le komishini iyamkele le ngxelo ikhutshwe yiLonmin njengebe negalelo ekuncedisaneni nale nkampani ukuphucula isimo sayo sangaphakathi.

Ingqonyela yakwaLonmin uBen Magara uthi, kuninzi asele bekwenzile ukuhlangabezanga neemfuno zabasebenzi kule minyaka mibini idlulileyo.OkaMagara uthi bayiphucule imeko yentlalo yabasebenzi ngelixa bephucule nemeko yokhuseleko abasebenza phantsi kwayo. UMagara ukwathe: “Siyaqhubeka nokunceda abahlalokazi bamadoda awathi asandulela ngala mini, kwaneentsapho zawo. Noxa singenakuze sisivale isikhewu esashiywa ngaloo malungu osapho siwavulile amathuba engqesho kwiintshapho zabo bathi basandulela kwaye sixhasa bonke abantwana babo ukuba bafumane imfundo esemgangathweni.”

UMagara ukwathe kuninzi ekusafanele bekwenzile kwaye baza kulandela oko bakuyalelwe yile komishini. Ikomishini kaFarlam ikwagxeke imanyano yabasebenzi i-AMCU ngokwehluleka ukulawula abasebenzi abangamalungu ayo nawayekugwayimbo.

La malungu afunyaniswe ukuba ayevuma iingoma eziphembelela udushe. Noxa kunjalo ingxelo ithe umongameli wale manyano uJoseph Mathunjwa wenza konke okusemandleni akhe ecenga abasebenzi ukuba babeke phantsi izikhali kananjalo bayishiye intaba yaseKoppie ebabebuthelene kuyo.

Nemanyano yeNum ifunyenwe inesenzo sobugwenxa ngokuthi iyalele abasebenzi abangamalungu ayo ukuba aye emsebenzini ngelixa imeko imaxongo. Le manyano ifunyeniswe ilahlekise abasebenzi abangamalungu ayo ngelithi isivumelwano seminyaka emibini edlulileyo sisesemgaqweni. Le manyano nayo zange yenze okusamandleni ukuthintela amalungu ayo kwizehlo ezinempalalo gazi.

Uxanduva lusele ezandleni zale nkampani kwakunye nezi manyano ukuqinisekisa ukuba ishwangusha elifana neli aliphindi lenzeke. Asigxilanga kwezinye iingcebiso zale komishini njengoko zingekho mayela nemisebenzi.