Uvavanyo – 2015 Hyundai i20

Libala konke okwaziyo nowakhe wakuva ngabakhi bakwa-Hyundai neemoto zabo zakudala ezingephi. Kule mihla abakwa-Hyundai basokolisa ngamandla abakhi abaziwayo abakumazinga aphezulu. Oko eli shishini lase-South Korea laqesha umyili weemoto ongusaziwayo nobabaziwayo e-Europe, * -Peter Schreyer, ukuba aphathe ajongane nolwakhiwo lweemoto ezithutha abantu kumzi wakwa-Hyundai nakwa-Kia – * -Scheyer lo ke wayesuka kwa-Audi, edume ngokuyila i-Audi TT yokuqala.

Xa unokujonga kule miyaka igqithileyo ukusukela ku-2008, iimoto zakwa-Hyundai zabonakala ukwenyuka kwizinga lobuhle, lolwakhiwo, ukuthembeka nokurhaleleka kubathengi abangabo baqala ngqa ukuthenga imoto. Ngoku abantu abathile sebethande ukukhetha iimoto zakwa-Hyundai nangaphezulu kwezo zintle zisuka kwa-VW, Ford, kunye no – Opel.

Kule veki singene kwa-Hyundai savavanya i-i20 entsha. Ikwinqanaba lesibini kuluhlu lwezingenamva (hatchbacks) ezifumaneka kulo mzi. Iza inamacango amahlanu (nangona ifumaneka nangamathathu amacango kwelaseNgilane namanye amazwe aphesheya). Kwaye ithande ngokuqinisa ubukho bayo xa uyijongela ngaphambili. Ibumper inkulu kunale indala, kukho uchatha wezibane ezinee-LED Daytime Running Lights, nemigca yoyilo emacaleni, ngaphezulu imigca edibanisa izibane zangaphambili nezangemva, ngezantsi imigca idibanisa amavili angaphambili nawangemva. Oku kwenza le-Hyundai i20 ijongeke i-sporty kusaqalwa. Obubu-sporty buphinde bugxininiswe nayi-C-pillar ngemva eyenziwe yamnyama xa uyijongela bucala. Amavili ee-alloy ayancedisa kubuhle bayo.

Okudanisayo kuxa ungena ngaphakathi. Nangona yonke into ifumaneka apho iqhele ukufumaneka khona, iyadanisa nje ngokubona uyilo lwe-dashboard lusengu-mhlobo-mdi. Futhi kubonakala ukuba amalaphu nee-plastic ezisetyenziweyo kwenzelwe ukuba umphakathi wale moto angagugi lula, futhi aqinele ukunyamezela ukuxhatshazwa kwemihla ngemihla. Singalibali ukuba isininzi sezi moto siphela kumashishini afana noo-Avis , Hertz , Europcar, apho umntu angakhathaliyo ncam ukuba impatho yemoto izohamba njani. Kodwa kuyo yonke le nto iphawulwe ngaphezulu, ayikokuthi umphakathi we-i20 kunzima ukuwunyamezela. Kwezo moto zikhuphisana kweli nqanaba, azininzanga ezodlula i-i20.

Kwimpondo zokuqhuba kukho amaqhosha okulawula unomathotholo (okwazi ukudlala umculo nge-USB okanye nge-AUX), unomyayi (odibana nemoto ngamazinyo aluhlaza Bluetooth) ne-cruise control. Azogqunywanga ngofele kodwa iimpondo ezi, ngoko ke zisavakala ziqinile esandleni. Umntu uncedwa yi-power steering eyiyeyona yakhe yathamba xa ujika-jika. Oku kuthamba kwenza kubelula ukuyifaka kwindawo yokuma. Phofu ubungasoze usokole kwa okokupaka kuba ngemva zikhona ii-sensors zokukukhuza xa usondele kakhulu edongeni okanye kwimoto esemva kwakho. Amasiba abonakala kakuhle nalula phaya kumngxunya wesalathisi-santya (instrument cluster), kwaye ela bala liluhlaza xa kusebusuku lunika ukukhanya okwenza ngathi le-i20 ikwizinga eliphezulwana. Apha phakathi-naphakathi kwi-dashboard ufumana amaqhosha aqhelekileyo okulawula unomathotholo, ngezantsi ibangamaqhosha okulawula ubuqondo bobushushu, uphinde ufumane imingxunya emibini ye-12Volts yokufakela i-charger kanomyayi. Kukho nezithuba ezibini zokubeka iziselo phakathi kwabakhweli ngaphambili, futhi i-glove box kwezithile ii-i20 ihlala ivuthelwa ngumoya obandayo, ukuze ungabinaxhala lokunyibilikelwa ziitshokoleythi zekho xa nihamba umgama omde nezibiliboco zenu endleleni. Izipili zasemacaleni neefestile zonke ngaphambili nangemva zisebenza ngombane (ngaphandle kwakwi-i20 1.2litre Motion Manual apho ezangemva iifestile zisasebenza ngamandla osizi lomntu ohleli ngemva, nezipili zisalungiswa ngesandla). Izitulo zezelaphu kuzo zonke ii-i20, ayikho eza nezitulo ezogqunywe ngofele.

I-i20 ifumaneka ngeentlobo ezintathu. Eyokuqala yi-1.2litre Motion Manual, kuze i-1.4litre Fluid Manual, kugqibele le siyivavanyayo eyiyi-1.4litre Fluid Automatic. Asikayazi ukuba iyeza na i-i20 enenjini yedizili. Ngokubona kwethu, bayashiyeka kwa-Hyundai ngokungazisi i-i20 enenjni yedizili, kuba imarike yayo ikhona apha e-Mzantsi. Siyazithanda ii-VW Polo TDi, le ikhuphsana nayo i-i20.

I-i20 Fluid Automatic inamandla angu-74kW kodwa naloo mandla afumaneka phezulu kwisantya senjini ku-6000rpm. Ngoko ke kunzima ukusebenzisa amandla ayo onke. Uphela usithi chuu xa unyathela. Ngoku obabu-sporty besibulindele ngokuyijonga ngaphandle, buvele bunyamalale xa ungaphakathi. I-gearbox nayo inee-gear ezine kuphela. Lo nto yenza i-gearbox ibengulova ongxolayo njee kodwa imoto ayinasantya. Ngethamsanqa loo ngxolo iphela pha phandle. Xa usendeleni, ingxolo yenjini namavili ajikelezayo nomoya ogqithayo inqandeka ngolona hlobo luncomekayo. Ayenzelwanga ukuqhumisa indlela i-i20, ngoko ke masingenzi ngathi singayifulathela ngenxa yokungangxami ngayo xa umcephe esindwe lunyawo. Yona into eyithembisayo i-i20 kukuba izowenza umsebenzi wayo, kodwa ngexesha layo, hayi ixesha lomqhubi. Abo bangahoyanga zantya ke bahleli bengazoyicinga into yokuba igabadela kangakanani i-i20. Into abayikhangelayo abo bantu kukuba “iza iphethe ntoni i-i20 ezokwenza ubomi bam bubemtofo kunakuqala?”

I-i20 ihamba kamnandi endleleni, izigingqi azivakali kakhulu, iyabambelela ngokwanelisayo xa indlela igoba (xa uya wakhubula ukuba ayenzelwanga ukuphaphatheka endleleni), futhi isithuba sanele umqhubi noogxa bakhe abathathu nemithwalo yabo ngemva (i-boot ye-i20 inkulu kuneye-Ford Fiesta ne-Opel Corsa). Kuthulekile ngaphakathi xa isantya sigcinwe ngaphantsi kweso sivumelekileyo kuhola weendlela, uqondo lobushushu luyalawuleka ngokwanelekisayo, iimpondo zokuqhuba zithambile ukuze ungadinwa ngokukhawuleza, ne-cruise control ikhona apha ngoku ingafumanekiyo kwezinye iimoto ezikweli zinga lemali yokuthenga i-i20. Kwezokhuseleko, i-i20 iphandla umqhubi osemva kwakho ngezibane zangemva, ngokudanyazisa izibane okwe-strobelight ukuba uye wanyathela izibambi ngamandla xa mhlawumbi ubuphepha ingozi uzama ukuma ngokukhawuleza.

Siyithandile i-Hyundai i20.

Amanani Abalulekileyo:

Hyundai i20 1.2 Motion Manual 61kW – R184,900.00 1.4 Fluid Manual 74kW – R207,900.00 1.4 Fluid Automatic 74kW – R217,900.00