UPitso nomqeqeshi waMakhosi bebeyilambele iTelkom Knockout

Bonke abalandeli bebhola ekhatywayo bebethe ntsho amehlo wabo kumdlalo wamagqibela kankqoyi obuphakathi kweMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs izolo ngokuhlwa eMoses Mabhida Stadium.

Ngaphandle kwamathandabuzo, lo ibingowona mdlalo mkhulu kule sizini intsha. Kunqabile kakhulu ukufumana umdlalo okumila kunje ophakathi kwala maqela makhulu kweli loMzantsi Afrika. Uyabuleleka umsebenzi owenziwe yiTelkom Knockout.

Kodwa eyona nto yakhe yamnandi ngalo mdlalo kukuba unike ithuba elinqabileyo amadoda amabini abalulekileyo kwibhola yeli lizwe ithuba lokuqaqambisa izakhono zawo zokuqeqesha phambi kwezigidi zabalandeli bebhola ekhatywayo.

Lo madoda nguPitso Mosimane noSteve Komphela. IDowns iye kumdlalo wokugqibela weTelkom Knockout ngendlela encomekayo kakhulu, hayi ngamabona ndenzile. Akothusi ukuva ukuba lelona qela lifake amagowuli aliqela kwimidlalo yalo.

Iphantsi kwesandla seJingles, omnye wabaqeqeshi abakwinqanaba eliphezulu kweli loMzantsi emva kokuthatha indebe ye-Absa Premier Soccer League neNedbank ngokulandelelana kule minyaka mithathu engumqeqeshi weSundowns. Nangona ekuqaleni ibathwana labalandeli beDowns belingamfuni, kodwa ngoku livuyela indawo elikuyo ngoku eli qela.

Yena uKomphela uze kulo mdlalo wamagqibela kankqoyi enembali esathandabuzekayo ngenxa yokuba engakaphumeleli ndebe njengomqeqeshi. Njengokuba ekwiChiefs ngoku, amathuba azakuzivelela okuphumelela indebe.

Kubalulekile ke abantu beli, ingakumbi abalandeli bebhola, ukuba babanike abaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika ithuba lokwenza umsebenzi wabo.

Akukho lula ukuqeqesha la maqela makhulu onke kodwa ukuba sifuna [sililizwe] ukuba nabaqeqeshi abakumgangatho ophezulu kwibhola yeli lizwe, kufuneka sibaxhase abo badlala ibhola ndawonye nabaqeqeshi ngokulinganayo.

Siyavuyisana nomqeqeshi neqela eliphumeleleyo, kodwa masiphawule into enye; ukubethwa akuthethi kuthi ubani akazinto okanye sokuze ayifumane impumelelo. Mabaphathwe, baxhaswe kuqatshelwe indima edlalwe ngabaqeqeshi nabadlali ngokufanayo.