Bawuvale kakuhle unyaka abantu abadala

Bawuvale kakuhle unyaka ka2015 abantu abadala abaphuma phantsi komasipala abohlukeneyo beli phondo leMpuma Koloni abaphuma e-Amathole, OR Tambo, Chris Hani, Alfred Nzo, Sarah Bartmarn, iNkonkobe kwakunye nabanye oomasipala besithili, ngethuba benesidlo kwakunye ne arhente uSassa eRegent izolo, xa bebenikwa khona ithuba lokuphakamisa imiceli-mngeni abajongana nayo imihla nezolo kwindawo zabo abo bamkela imali yesibonelelo sikarhulumente.

Umanejala wengingqi kaSassa ephondweni, uSakhiwo Yawa uthi, babone kubalulekile ekubeni babadibanise abantu abadala ngolu suku nanjengoko ingabantu ababalulekileyo kwaye bekwafuna ubudlelwana nabo: “Sifuna ukuba ingxaki zabo ziviwe sithi ncakasana sizokwazi ukukhawulelana nabo pha naphaya kwezinye zezingxaki bazidakance apha,” utshilo uYawa.

Kule ndibano ukubiwa kwamakhadi okurhola abo nezazisi ngabazukulwana, yenye yezinto ebeziphambili kubantu abadala kweminye yemiceli mngeni ebebeyiphalaza. Nomba womntyangampo womgca oya ebhankini ngemini zabo zokurhola inkam-nkam. Ongusihlalo weqonga labantu abadala kwinginqi yase OR Tambo uDalibandla Mbiza uthethe wenjenje: “Owona mnqweno kukuba silungiselelwe eyethu indawo yokurholela indawo yokufola, kwaye nasezibhankini ngaphakathi sibenendawo yokuchopha, akukho mnandi ukubona umntu omdala enabe phantsi kuba kungekho zitulo esoyisakala.

“Kwanezikhuselekileyo nanjengoko kungekho mnandi ukubona umntu omdala efole nabantwana,abanye bebeke abantwana emiqolweni,abanye baphele bengarholanga kuba beleqa izinto zokukhwela,” utshilo uMbiza.

Ukanti uYawa uthi, sele bezakhile neendawo zokurholela esele zingamashumi amathandathu kwezizithili zomasipala, ngeenzame zokucutha ukuhamba kwabantu abadala imigama emide ukuyokurhola.

Ukwathe uluntu zelubakhathalele abantu abadala ngelixesha leholide zokuphela konyaka ingabingamaxhoba kwabazungulichele.