Iphumelele iBarcelona – kodwa uMessi ugoduka engacholanga naphantsi!

Andres Iniesta of Barcelona challenged by Khama Billiat of Mamelodi Sundowns during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly match between Mamelodi Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on 16 May 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Libala
ngamagowuli ewafakileyo iBarcelona – kodwa iya kufika ibalise ekhaya
ithi: asihambelanga lize – umdlalo basinikile eMzantsi Afrika! Abantu
abasondele kumashumi alithoba amawaka bagcwalise inkundla yebhola ekhatywayo
yembali, iFNB Stadium – apho bebeyokubukela iziqwayi zabadlali ezifana noLionel
Messi, uCoutinho, uSuarez no-Iniesta kumdlalo iBarcelona ibethe iMamelodi Sundowns
ngo’3-1 kumdlalo wobuhlobo obekubhiyozelwa ngawo iminyaka elikhulu yesiswenye
somzabalazo – uNelson Rholihlahla Mandela. Nakubeni iBarcelona iphumelele
emdlalweni – kodwa yena uLionel Messi ugoduka engacholanga naphantsi. Ngumdlalo
lo oyakuhlala ezimbalini kubadlali beDowns futhi abadlali abaninzi abafundileyo
kuwo.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iBarcelona inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini yabe
yona iSundowns inkonye iqanda. Kumzuzu wesithathu, u-Ousmane Dembele,
ungcangcazelise umnatha ngembumbulu yebhola emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali
beDowns ngemva. Kanti uLuis Suarez – ifolozi eyingozi kakhulu phambi kwepali –
ufake igowuli lesibini kumzuzu weshumi elinesibhoxo kwisigaba sokuqala
somdlalo.

IBarcelona ingene
emdlalweni ngokukhulu ukuzimisela – amagowuli ewafakileyo ayicacise gca injongo
yayo. Iwulawule umdlalo ebaleni – kodwa isiya phambili ngesantsa esikhulu.
Khange iyekelele nayo iDowns kwelayo icala. UPercy Tau ufumene ithuba
lokubhalisa ebhodini ngethuba ejongene ngqo nonozinti oye wayibamba ibhola
ebezama ukuyiqabelisa phezu kwentloko yakhe. Umdlalo weSundowns uye waphucuka
ngokuhamba kwexesha. Izinto eziyibethileyo kwisigaba sokuqala ibe
kukungahlangani kwabadlali basemva nokungawasebenzisi kakuhle amathuba
kwabadlali baphambili.

Image may contain: 2 people, people playing sports, stadium and outdoor

Percy Tau of Mamelodi Sundowns challenged by
Yerry Mina of Barcelona during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly match
between Mamelodi Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on 16 May
2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UHlompho Kekana
noTiyani Mabunda bakhe bazama ukukhabela unozinti weBarcelona – kodwa iibhola
zabo ziphume ecaleni. Umsebenzi wabo esiswini ubumhle kwaye ukwazile
ukuwuzinzisa umdlalo weDowns. Ukennedy Mweene ungene endaweni kaDenis Onyango
kwisigaba sesibini – kodwa ngelishwa lakhe ubuliswe ngegowuli yiBarcelona. Iye
yaduma iFNB Stadium ngethuba kungena ebaleni uLionel Messi kwisigaba sesibini
somdlalo. USibusi Vilakazi ulibeke emnatheni igowuli leDowns emva kokufuman
ibhola entle kuTau obetha amadoda kude kufuphi kumhlaba kanozinti.

UPercy Tau,
uVilakazi noThemba Zwane baye bawufunqula umdlalo wabo kwakungena u-Oupa
Manyisa noSirino kwisigaba sesibini. UMessi uyitsalile imbumbulu yebhola –
kodwa ichithiwe ibhola yakhe nguMweene. Umdlalo ubumhle kakhulu. IBarcelona ibaxolisile
abantu belizwe loMzantsi Afrika ngokudlala umdlalo wayo wesiqhelo okumgangatho
ophezulu. Amasandawane azamile kakhulu kwisiqingatha sesibini – kangangokuba bekufaneluba
alifumene igowuli lesibini emdlalweni. Ekugqibeleni iphumelele iBarcelona – kodwa abantu abaninzi bamke bephoxekile emva kokuba iMessi ehambe angafumenanga igowuli.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Arendse, Soumahoro, Ngcongca,
Mabunda, Kekana, Vilakazi, Billiat, Zwane, Tau.

Amalalela: Mweene, Manyisa, Sirino, Madisha, Zulu, Sekotlong,
Brockie, Lebese, Morena, Ngoma, Nascimento.

BarcelonaTer
Stegen, Semedo, Digne, Mina, Rakitic, Busquets, D.Suarez, Alena, Iniesta,
L.Suarez, Dembele.

Amalalela: Cillessen, Piqué, Messi, Coutinho, Paulinho, Paco
Alcácer, Jordi Alba, S.Roberto, André Gomes, Aleix Vidal, Galarreta, J.Cuenca.