AB de Villiers: Lifikile ixesha lokuba kungene abanye

South Africa's AB de Villiers bats as West Indies' Johnson Charles keeps wicket during the ICC Champions Trophy match at The SWALEC Stadium Cardiff.

Abalandeli beqekama kunye nkqu nabadli bothuswe sisigqibo sokuyeka ukudlala iqakamba kwinqanaba lehlabathi esithathwe ngu-AB de Villiers namhlanje. UDe Villiers, oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34), uxelele ilizwe lonke kumyalezo oshicilelweyo ukuba ubeka phantsi. Isigqibo sale ndedeba silandela isizini entle ebenayo kwiqela lase-India elibizwa ngokuba yiRoyal Challengers Bangalore. Kanti khange kuphelele apho ngoba uDe Villiers wenze umsebenzi oncomekayo kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika – iProteas. Kutshanje, uDe Villiers uqhokre imitsi emenzelo udumo kumdlalo wovavanyo obuphakathi kweProteas ne-Australia kwisixeko saseBhayi.

“Lifikile ixesha lokuba kungene abanye. Ndilifumene elam ixesha – kodwa xa ndithetha inyaniso, ndidiniwe,” utshilo uDe Villiers kwintetho yakhe ayishicilele e-University of Pretoria Oval.

UDe Villiers ngumakad’enetha ozenzele igama kwiqakamba yaseMzantsi Afrika nakwihlabathi lonke jikelele. Udlale imidlalo yovavanto elikhulu neshumi elinesine (114), amakhulu amabini namashumi amabini anesibhozo (228) yemidlalo yosuku olunye yehlabathi namashumi asixhenkxe anesibhozo (78) yemidlalo yeT20 kwaye ebephakathi kwabadlali abaqaqambileyo. Kanti ke akuphelelanga apho ngoba uDe Villiers uphakathi kwabadlali beqakamba abadumileyo abalikhulu ababhengezwe lijelo leendaba laseMelika ekuthiwa yi-ESPN.

“Esi sisigqibo endisicinge ixesha elide kakhulu. Ndibe nomnqweno wokuyeka ukudlala iqakamba ndisakwazi ukudlala iqakamba ebhadlileyo emva kokuphumelela uchungechunge lwemidlalo esibethe (Proteas) kuyo i-Australia ne-India. Ndicinga ukuba lixesha elihle lokushenxa. Andiyeki kuba ndijonge ukuyodlalela imali kwenye indawo. Le yindlela indiziva ngayo mna….yonke into inesiphelo. Ndifuna ukuthi enkosi kubalandeli beqakamba eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela. Andinazo tu izicwangciso zokudlala phesheya. Endaweni yoko ndinethemba lokudlalela iTitans apha ekhaya. Ndingumlandeli omkhulu kaFaf du Plessis neProteas,” uvale ngaloo mazwi u-AB de Villiers.