Ungxabalazile umqeqeshi weFree State Stars

IFree State Stars ziintshatsheli zeNedbank Cup emva kokubetha iMaritzburg United ngegowuli elinye kumdlalo obubanjelwe eCape Town Stadium kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Phando Jikelo/ANA

Siphelile
esinye isiqendu sePremier Soccer League, ngoku amaqela axekekile afuna abadlali
nabaqeqeshi abatsha phambi kokuvulwa kwenye isizini kwezi nyanga zizayo.
Umqeqeshi waseBelgium ogama linguLuc Eymael, oncede iFree State Stars
yaphumelela indebe yeNedbank emva kwamashumi amabini anesine eminyaka,
ungxabalalize emva kokuvakala kweendaba ezithi kukho amaqela amfunayo phambi
kwesizini entsha. Loo maqela yiKaizer Chiefs neSuperSport United.

Abasemfuthweni
wolwazi bathi lo ka-Eymael ugxeleshwe yiKaizer Chiefs njengeyona ndoda enokuthi
ingene endaweni kaSteve Komphela obeke phantsi phambi kokuphela kwesizini
ngenxa yodushe lwabalandeli. ULuc Eymael uxelele iintatheli ukuba kukho iqela
elimfunayo, maliyenze lo nto phambi kokuphela kwale veki. Ukuba akubanga njali,
uza kubuyela kwiFree State Stars kwakuphela ixesha leholide yakhe eBelgium.

“Ukuba
iChiefs ize kum emva kwale iveki ngeke ndiye kuyo, endaweni yoko ndibuyela kwiFree State Stars. Yonke imihla iChiefs
yoyanyaniswa nomqeqeshi omtsha. Ukuba akukho nto icacayo kule mpelaveki
ndibuyela kwiStars. Umphathi
weFree State

Stars naye uyayazi lo nto. Kule veki ndiya ekhaya eBelgium. Ukuba kukho into
entsha eyenzekayo, kufuneka yenzeke kule veki. Into endingenokwazi ukuyenza
kukufaka isicelo somsebenzi njengabanye abaqeqeshi. Ndonelisekile apha kwiFree
State Stars kwaye iza kundinyela umvuzo kwisizini ezayo,” utshilo u-Eymael.

Ukuba
kunokwenzeka uLuc Eymael athathwe lelinye lamaqela akhangela abaqeqeshi
abatsha, iFree State Stars iyakuba kwenkulu ingxaki ngoba kuzawunyanzeleka
ukuba iqale phantsi umntu omtsha. Amaqela anokutsalatsalana ngaye lo mqeqeshi
ngoba uthathe iFree
State
wayibeka kwiTop
wayinika indebe kwaye iza kudlala kwiCaf Confederation Cup okokuqala kwimbali
yayo.