UParker uthi abaqinisekanga ngekamva labo kwiChiefs

Bernard Parker of Kaizer Chiefs won Goal of the month award during the PSL Awards Nominations at PSL Offices, Johannesburg on 21 May 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ifolosi
yeKaizer Chiefs, uBernard Parker, ithi akukho namnye umdlali oqinisekileyo
ngendawo yakhe njengokuba kulungiselelwa isizini entsha. Amakhosi athe saa
iinzwane ekhangela umqeqeshi omtsha oza kungena endaweni kaSteve Komphela kunye
nabadlali abatsha. Usihlalo weChiefs, uKaizer Motaung, uthembise abalandeli
beqela lakhe ukuba mabalindele iinguqu phambi kwesizini ezayo emva
kokungafumani nedobilityi iisizini ezintathu zonke.

UParker,
ofake amagowuli amathandathu kwisizini ephelileyo, uthi bonke abadlali banomdla
wokuhlala kwiChiefs. Kutshanje uParker uwongwe yiPSL emva kokuba igowuli lakhe livotelwe njengelona liphume phambili kwinyanga ephelileyo. “Ngamanye amaxesha siyaqhula sithi akukho namnye
oqinisekileyo ukuba uza kugcinwa. Sinesazela ngoba siyabona asisebenzanga
ngokwaneleyo. Emva kokuvala isizini, asazi ikamva lethu lithini – kodwa
siyayithanda iChiefs kwaye siyafuna ukuhlala kuyo siyibuyisele kwindawo yayo
kwibhola yaseMzantsi Afrika,” utshilo uParker.

Emva
kokulahla kukaKomphela phambi kokuphela kwesizini, uPatrick Mabedi – owanikwa
uxanduva lokuqeqesha okwethutyana, ukwazile ukufumana indawo yesithathu
ekupheleni kwesizini ye-Absa Premier Soccer League. Lo nto ithetha ukuthi
iChiefs iza kudlala kwiMTN 8 xa kuvulwa isizini entsha, iphinde ibuyele
kwimidlalo yeCaf Confederation Cup eza kudlala kuyo neFree State Stars
ephumelele indebe yeNedbank kwiveki ephelileyo eKapa.

Akukacaci
ukuba ngubani oza kuqeqeshi Amakhosi kwisizini ezayo. Phambi kokuphela
kwesizini, uLuc Eymael oqeqesha iStars bekusithiwa uphakathi kwabaqeqeshi
ekucingeleka ukuba banganikwa uxanduva yiChiefs. Kwiveki ephelileyo, u-Eymael
uxelele iintatheli ukuba amaqela anomdla kuye akathethi naye kude kuphele le
veki – xa ebuya eBelgium kowabo, uza kubuyela kwiFree State Stars.